Intshulube Ezisemathunjini wee Hagu

©Glenneis Kriel
Sows should be washed a couple of days before farrowing.
Kuxhomekeka kuhlobo lwehagu, iintshulube azisoloko zitshabalalisa impilo yehagu mveliso kuphela, kodwa zingatshabalalisa isidumbu apho zixhelwa khona. Kuba ke usuleleko luqala ngokuba iihagu zitye amaqanda, iindlela zococeko nezangasese eziluqilima zizakunceda okokuba zigcine izinga lamaqanda liphantsi kwaye oku kwehlisa izinga losuleleko noqhambuko. Ezona zoyikiso kwimizi yemveliso esakhasayo zintshulube ezingqukuva kunye neentshulube ezaziwa ngoba zi ‘tape worms’.

Iintshulube Ezingqukuva

Iintshulube ezingqukuva (Ascaris suum) lelona hlobo lusulelayo lwentshulube zehagu. Ezi ntshulube ke zingakhula zityebe oku kwe pensile yokubhala kwaye zikhule zibe bubude obuyokuma ku 400mm, ziphila emathunjini wentshulube apho zithi zithathe ukutya ezihagwini. Ezintshulube zivelisa amaqanda amaninzi athi akhetheke kwilindle leehagu ezosulelekileyo. Lamaqanda aqine kakhulu kwaye angaphila iminyaka emininzi.
Amantshontsho asemancinci weehagu ngawona ase mngciphekweni wosuleleko, athi asuleleke ixesha elininzi xa eginya amaqanda kumabele amdaka. Apho kukho umngcipheko wosuleleko, abadlezana kufuneka bakhutshwe iintshulube noba ziveki ezimbini phambi kokuba babeleke kwaye bavaswe amatyeli amaninzi phambi kokuba babeleke.
Iimpawu zosuleleko zixhomekeka kubuzaza bezinga losuleleko, ukususela kukhohlokhohlo elomileyo kwimeko ezingenabo ubuzaza kakhulu okanye ukuhambisa kwesisu nokungakhuli kakuhle kwimeko ezinobuzaza kakhulu. Iintshulube zingenza isifo se nyumoniya (pneumonia) nokuvaleka kwamathumbu. Esisigulo sihlolwa ngoku hlola ilindle leehagu ngokujonga ubukho bamaqanda okanye xa kujongwa unobangela wokufa. Ezi ntshulube zenza amabala amhlophe kwisibindi sehagu.
Ulawulo olulungileyo nezenzo zococekozinganceda zithintele usuleleko nokugcina amazinga osuleleko esezantsi. Xa iihagu zigcinwe ngaphandle, ujikeleziso lwamadlelo okudlela ukuthintela nokuqukana kwamaqanda emadlelweni.
Iintlobo ze anthelmintics (iipilisi ezigxotha iintshulube ezitshabalalisayo) zibhaliselwe ukulawula usuleleko. Ukuze ufumane iziphumo ezincomekayo, kufuneka ulandele imiqathango ngokwemiyalelo. Imithi efana ne moringa yaziwa ngokuba nayo inazo intwana-ntwana ezilwa nentshulube i-anthelmintic.

Iintshulube Ezimbaca Ezaziwa Ngokuba zi

©Glenneis Kriel
Pigs can ingest tapeworm eggs when feeding on human soil.
Iihagu zizo ezigcina uhlobo lwentshulube ezaziwa ngokuba zi tapeworms ngexesha elaziwa ngokuba yi ‘bladder worm stage’ (Cysticercus cellulosae) zithi zosuleleke xa zitye ilindle labantu, lilo ke elizisa ezintshulube. Iintshulube xa zisese bantwini zaziwa ngokuba zi (Taenia solium). Abantu bathi bosuleleke xa bethe batya inyama yehagu eyosulelekileyo engaphekisiswanga kakuhle.
Esisifo saziwa ngokuba yi masisi yehagu, kuba iintshulube zizibonakalisa ngamaqhuma amhlophe abubude obungu 15mm esiswini, emathunjini, entliziyweni, eluvalweni, nakwimisipha. Ezintshulube azenzi umntu azive ngoku ngaqhelekanga, kodwa ngamanye amaxesha zenza iintlungu oku kwenze kubenzima okokuba zikwazi ukuhamba iihagu. Usuleleko luye lubonakale xa ihagu sele ixheliwe, ze ke isidumbu sitshatyalaliswe.
Ulawulo olungcono nezococeko zenze okokuba imasisi inganoni kakhulu kwii hagu. Alikho ichiza layo, kufuneka ihagu zithintelwe kwesisifo ngokuzigcina kude kwindawo ezihamba-hambayo apho zingatya ilindle labantu ngokuqinisekisa abantu abasebenza kwaye behlala kwindawo ezivelisa iihagu, ukusebenzisa izindlu zanga sese kufuneka izandla sivaswe phambi kokusebenza ngeehagu emveni kokusebenzisa izindlu zangasese.

Ezinye Iintlobo Zeentshulube

Zikhona ezinye iintlobo zee ntshulube ezifumaneka ezihagwini, ezifana ne nodular worm, lungworm, whipworm, kunye ne bankrupt worm. Iimpawu zosuleleko ziquka ukuhambisa kwesisu, isifo i- anaemia, ukuhla esiqwini, ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni, kwimeko ezinzima ukufa. Usuleleko luye lubonakale ngokuthi kuhlolwe ilindle okanye xa kujongwa isizathu sokufa. Ulawulo nonyango luyafana nolwentshulube ezingqukuva esele zichaziwe ngasentla.

Translated by Zikhona Plaatjie