Inkolelo kunye neeNkolo Zabantu BamaZulu

© Dr Peter Magubane

Inkolo yeSintu yamaZulu

Kuyo yonke imbali yamaZulu, inkolo yasoloko idlala indima ebalulekileyo kubomi bamaZulu: Kwiimfazwe, kwimisitho, kumanqanaba ohlukileyo kunye neengxaki zobomi babantu, kwezolimo kunye nokukhula kwezoqoqosho njalo njalo. Ngawo onke amaxesha, kujongwa kwizinyanya njengomthombo woncedo kunye nomkhomba ndlela wokuphila.

Kuye kwenziwe iminikelo ngokuthi kuphalazwe igazi kuxhelwe. Ukongeza kwimbeko abayinika izinyanya zabo, abantu bamaZulu babekwa kholelwa kumoya olawula izinto zonke ehlabathini, Unkulunkulu. Bakholelwa ukuba wa ‘vela phakathi kweengcongolo’ waze wadala zonke izilo, imfuyo, iinyamakazi, iinyoka, iintaka, amanzi, iintaba kwakunye nelanga nenyanga.

Ngokwenkolelo yamaZulu, umntu unomzimba kunye nomphefumlo okanye umoya (idlozi). Ngaphezulu, kukho intliziyo okanye iimvakalelo, ingqondo kunye ne sithunzi. Bakholelwa ekubeni isithunzi sibangumoya wesinyanya xa sele umzimba ulandulele eli. Kodwa oku kwenzeka kuphela emva kokwenziwa komsebenzi wokubuyiswa, nalapho umphefumlo walowo ubhubhileyo ‘ubuyiselwa ekhaya’. Ukuxhela kudlala indima enkulu ekugcineni uqhagamshelwano kunye nezinyanya.

Oku ke kudala ikroba/ibhulorho eyenza kubelula ukuba abantu abasaphilayo bakwazi ukucela inceba okanye babulele kwizinyanya zabo. Izinyanya kukholeleka ukuba zinamandla okuguquguqula nokulawula indalo yonke iphela. Kuye kuqalwe kuthethwe nezinyanya ngaphambi kwayo yonke imisebenzi/imicimbi.

Iindidi Zamadini

Abantu bamaZulu banendidi ezimbini zamadini. Elokubulela (ukubonga) kwenziwa xa kukho okuhle okuthe kwavela, umzekelo xa inkwenkwe ifikisa, xa kukho ukutya okuninzi okanye xa ubomi bo muzi buhamba kakuhle naxa kungakhange kubekho zigulo zixhalabisayo.

Ukukhetha, nokulidini lokudini elenziwa xa amalungu osapho ebhubha ngesiquphe okanye xa izinto zingahambi ngendlela nosapho luziva ngathi luyohlwaywa. Onke amadini navamise ukuba kukuxhelwa kwe nkomo okanye ibhokwe, enziwa ngokwesiko nesithethe. Ukuba oku akulandelwanga ngendlela, umsebenzi lowo usenokungabina mivuzo, okanye uzise amashwa angaphezulu.

Ngethuba leminyaka ye sentyuri 20, abantu abanintsi besintu baye baba ngamalungu enye yeecawe ezizama ukudibanisa inkolo yobuKrestu kunye nokunqulwa kwezinyanya. Enye yezicawe Ibandla lamaNazaretha, ixhaphake kakhulu ezilalini zamaZulu. Le cawe yasekwa ngomnyaka ka 1911 ngu Isaiah Shembe.

Abantu abaninzi bayazi njenge cawe ka Shembe. Ikomkhulu lale cawe lise Inanda ecaleni kwase Thekwini. Kodwa inabakhonzi abaninzi bakwindawo ezise zilalini, nabanxiba izampatho ezihlohlwe iiintsimbi. Aba bantu bakhonza/ banqula ngengoma nangomxhentso.

Translated by Zizipho Silwana

AmaZulu

Imvelaphi yamaZulu, nekukholeleka ukuba alolona hlanga lunabantu abaninzi kwilizw loMzantsi Afrika, isusela kubukhosi obuncinane obuthetha i...more