Ingaba ukhe Wahlangana Nomntu Ofumaniseke Enentsholongwane ye Coronavirus

Uzifumanise uhlangana nomntu ofumaniseke enontsholongwane etsha eyaziwa njenge coronavirus (2019-nCoV): Ndithini ngoku?

Ixesha lokufukama (ukusuka kwixesha losuleleko, ukuya kwixesha lokubonakala kwempawu) liphakathi kwentsuku ezimbini (2) ukuya kwintsuku ezilishumi nesine (14). Xa uthe wazifumanisa unempawu ngelixesha lentsuku ezikhankanyiweyo, kufuneka uvavanywe kuhlolwe intsholongwane kuwe.

Kutheni ndingenako ukuvavanywa ngalomzuzu?
Intshlongwane ithabatha ixesha okokuba iphinda-phindane ifikelele kwinqanaba lokuba ifunyaneke xa kusetyenziswa iindlela ezithile elabhoratri.

Ingaba andinako na ukufumana amayeza xa kunokwenzeka okokuba ndinayo intsholongwane?
Ngenxa yokuba iyintsholongwane le, naluphi na unyango luyancedisa – oku kuthetha okokuba kunyangwa iimpawu, kodwa alikafumaneki ichiza lokubulala uqobo lwentshologwane. Kufuneka uvumele inkqubo yomzimba wakho ibulale intsholongwane ngokwayo.

Kufuneka ndenze ntoni?
Uyacelwa uzivalele bucala. Oku kuthetha okokuba nangona ungenazo iimpawu okwalomzumzu, kufuneka ubekude kuluntu ukuze intsholongwane inganoni isulele abanye.

Ingaba ndingakwazi ukosulela omnye umntu nokuba andiziva ndigula?
Ewe, ubungqina bubonisa okokuba uyakwazi ukosulela abanye ngentsholongwane nokuba awukabonakalisi iimpawu.

Ndingaya na emsebenzini?
Kucetyiswa okokuba ungayi emsebenzini, kuba ukuya kungandisa amathuba okusulela abanye abasebenzi ngentsholongwane. U-Gqirha wakho unako ukunikeza iphepha elichaza imeko yakho, nonokuthi uligqithisele kumqashi wakho.

Ndinya na esikolweni?
Kucetyiswa okokuba ungayi esikolweni, kuba ngokuya kwakho ungasasaza intsholongwane kwabanye abafundi nootishala. uGqirha wakho unako ukunikeza iphepha elichaza imeko yakho onokuthi uligqithise esikolweni.

Ndingadibana na nabahlobo bam?
Kucetyiswa okokuba unqumamise/nciphise ukuhlanga noluntu. Ukuthabatha inxaxheba kwindawo ezinoluntu kungenza intsholongwane isasazeke kusapho nabahlobo.

Ingaba ndingaya ezivenkileni, kwindawo ezisesidlangalaleni okanye ndinga zisebenzisa izithuthi zika wonke-wonke?
Kuyacetyiswa okokuba unqumamise ukundwendwela kwindawo zika wonke-wonke (iivenkile, iicawe, iindawo zolonwabo) okanye ukusebenzisa izithuthi zika wonke-wonke, kuba ukuqhubeka kunga sasaza intsholongwane kubanye abantu.

Ingaba kufuneka ndenze ntoni? Kucetyiswa okokuba uhlale ekhaya ngexesha usephantsi koqaphelo. Ukukhusela abakungqongileyo:

Hlamba izandla rhoqo, usebenzise isepha yezandla okanye isicoci zandla esenziwe ngotywala.
Hlalela kude kwabo base mpilweni (abangabonakalisi iimpawu zokuminxana) ngokukhawuleza (malunga nomgama oyi 1 metre ubuncinci).
Zama unxibe isigqumatheli sempilo (medical mask) maxa onke.
Gquma umlomo wakho nempumlo xa ukhohlela okanye uthimla ngephepha lokucoca elilahlwayo, okanye ukhohlele, uthimlele engqinibeni. Lahla iphepha emveni kokusula iimpumlo okanye ukuthimla ze uvase izandla ngoku khawuleza usebenzisa isepha okanye isicoci zandla esenziwe ngotywala.
Yandisa ukungena komoya kwindawo ekuhlalwa kuzo ekhaya ngokuthi uvule iifestile namacango kanga ngoko unako.

Ingaba ndizakubekwa njani esweni?
Sizakuthumelela ilinki ngekhasi lonxibelelwano i-email yonke imihla, ngenjongo yokuqonda okokuba unazo na iimpawu zentsholongwane. Uyacelwa ucofe kule linki uphendule imibuzo yonke imihla, nokuba awubonakalisi zimpawu. Xa ungenayo indlela yokusebenzisa i-email okanye intanethi, ukhona ozakutsalela umnxeba yonke imihla akubuze okokuba ingaba awujongenanga neempawu na. Uyacelwa uqinisekise okokuba uzakukwazi ukunikeza ezinkcukacha.

Ingaba ndizakubekwa esweni ixesha elingakanini?
Iintsuku ezilishumi nesine (14) emveni kwexesha udibene nalowo ekuqinisekisiweyo okukuba unayo intsholongwane ye coronavirus 2019-nCoV.

Zeziphi iimpawu ekufanele ndizijonge?
Ukujonga ubushushu bomzimba obungapha kwama 38 nangaphezulu, ingqele, ukhohlokhohlo, umqala obuhlungu, umbefu, iintlungu kwimisipha, iintlungu zomzimba, ukuhambisa kwesisu (isisu esihambisayo, ilindle elimanzi okanye elingamanzi kathathu ngosuku nangaphezulu).

Ndinazo iimpawu ngoku, ingaba kufanele ndilinde i-email okanye okokuba nditsalelwe umxeba?
Hayi, ngoku khawuleza xa uthe waqalisa ukuqaphela iimpawu, tsalela umxeba kwi inombolo ebekiweyo ngoku khawuleza.

Kuzakwenzeka ntoni?
Kuzakuxhomekeka kuhlobo lwempawu kunye nobuzaza, kuzakuqokelelwa kuwe emlonyeni (swab) ukuze kuvavanywe intsholongwane.

Translated by Zikhona Plaatjie