Ingaba Isasazeka njani Intsholongwane eyi Coronavirus

Inye kuphela into ekufanele uyiqonde malunga nokusasazeka kwentsholongwane COVID-19 eyaziwa ngokuba yi Coronavirus.

Iintsholongwane (coronaviruses) zilusapho olukhulu lweentsholongwane ezinokuthi zenze usuleleko kwimiphunga, ukusuka kwingqele eqhelekileyo ukuya kwizifo ezinobuzaza ezifana ne Middle East Respiratory Syndrome (MERS) kunye ne Severe Acute Respiratory Syndrome (SARS).

Intsholongwane isasazeka xa amaqabaza (asuka kumntu osele osulelekile - ekhohlela okanye ethimla), lamaqabaza afikelela: emehlweni, kwimpumlo okanye umlomo.

Lilonke, xa ubona umntu ekhohlela / ethimla / ogulayo, ungakhetha:
Ukugcina umgama okude. (0.5 ukuya ku 2m uzakwenza ukhuseleke kumaqabaza amakhulu).
Musa ukuya kwindawo ezibantu abaninzi. (Abantu abosulelekileyo banganga zibonakalisi iimpawu, kodwa bayakwazi ukosulela).

Maxa wambi amathe omntu ogulayo angafikelela kwezinye izinto - izandla, amacango, iminxeba, iikomityi, iipeni, indawo zokubambelela okanye kwizitya.

Ukuba uthe wathinta enye kwezi zikhankanyiweyo ngempazamo, ze uphathe ubuso bakho, utyikitye amehlo okanye ubuso balowo usenyongweni kuwe, nonke kungenzeka nigule.

Translated by Zikhona Plaatjie