Iminquma

© SA Olive

Abavelisi beminquma base Mzantsi Afrika bajolis kakhulu kwiimveliso ezikumgangatho ophezulu, ezifana ne extra virgin olive oil. Zikhona ke nezinye iimveliso ezine oli eyenziwe ngeminquma ezifana ne olive tapenades kunye nezo zokukhathalela ulusu. 

Ulimo lweminquma eMzantsi Afrika lwenzelwe ukuvelisa i-oli yomnquma, nangona isibalo esininzi se oli esetyenziswa kweli lizwe ithengwa kwamanye amazwe; afana ne Spain. 

Eyona ndidi ityalwa kakhulu eMzantsi Afrika yi Frantoio, kangange sibalo esingama 749 ha. Nangona izityalo ezityalwayo zale ndidi ziya zincipha ngenxa yokuxhaphaka kakhulu kwezinye iindidi, ezifana ne Coratino kunye ne FS18. Indidi yomnquma ebizwa nge Mission, yeyona ichumayo eMzantsi Afrika. Inesibalo esingama 659 ha, kwaye isetyenziselwa ukuvelisa i-oli kunye ne oli yokupheka.

Translated by Zizipho Silwana

i-Oli yoMnquma

i-Oli yoMnquma icatshulwa kwisiqhamo somthi womnquma (Olea europaea). Imvelaphi yalomthi ikumazwe angqonge ulwandle lwe Meditarrenean. Le yi...more

i-Oli Yomquma eMzantsi Afrika

Ushishino lwe oli yomnquma eMzantsi Afrika luseluncinane kakhulu kwaye lungonela iqaqobana lwabantu abayisebenzisayo le oli. Noxa kunjalo el...more

Imveliso Ye Oli Yomnquma

Ilizwe loMzantsi Afrika livelisa i-oli yomnquma (olive oil) ekwizinga eliphezulu, kodwa iyivelisa ngezibalo eziphantsi. Esi sibalo sincinane...more

Iimveliso zoMnquma

Iminquma ziziqhamo ezincinane ezinoku setyenziswa ekuveliseni izinto ezahlukeneyo....more

Indlela Yokwenza i-Oli Yomnquma

I-Oli yomnquma iveliswa kwiminquma emfaxangiweyo. Imithi yomnquma iyazikhulela kwiingingqi ze Mediterranean apho ubusika bungabandiyo nexesh...more