I-Lippia Javanica Ngokuchasana ne Zinambuzane

© Alice Notten of Kirstenbosch
Umthi onevumba lomkhuhlane ophantsi kosapho lwezityalo iVerbena - Lippia javanica – sisityalo esinomthi onobude obungu 1-2m kwaye sidume ngokusetyenziswa ekwenzeni amayeza ikwa siso nesityalo segadi. Iyazikhulela emazantsi, eMpuma nase Ntshona Afrika. Ibizwa ilemonbush okanye ‘masukudu’ (Tswana), ‘umsuzwane’ (Ngesi Zulu) ‘koorbossie’ (Afrikaans) ne ‘mumara’ ngesi Sotho.
Izifundo zobunzulu lwazi kwi L.javanica oil zichaza okokuba iintlobo zoncedo kumayeza ziquka ukulwa no mhlaza, ukuchasana-ne swekile, ukuchasana - ne malaria, ukuchasa nokulwa izifo kwaye ikhusela umzimba okuguleni. Amagqabi, izikhondo nee ngcambu zisetyenziswa kumayeza esintu ngama Xhosa (ayibiza ‘inzinziniba’) njengozifo zonke wokuhlala usempilweni, okanye itsale ukunyanga ukhohlokhohlo nosuleleko lwesifuba. Ukuthambisa iti etsalileyo ngengamafutha okuthambisa, kungaphilisa irhatshalala nemikrwelo, inyanga nkqu nee ntwala namaqhakuva arhawuzelelayo/rhatshalala (scarbies).
Isetyenziswa kwimisebenzi yesintu yoku ‘coca’ xa umntu ethe wadibana nesidumbu, kukholelwa okokuba inikeza inkuseleko koo krebe/ngwenya, ukubethwa ngumbane wezulu kunye nakwizinja ezilumayo. Xa idityaniswe ne Artamisis afra eyi (African wormwood), iLippia inceda ukunyanga kwiiingqele ezenza umkhuhlane, imalaria, ne masisi kwaye ingathintela usuleleko kwimiphunga. Ukurhogela umsi wesikhondo esitshisiweyo, kwaye izikhondo zingaluncedo kakhulu ekulweni nominxano kwesifuba, nokhohlokhohlo oluthe gqolo. Umsi ugxotha ingcongconi, amagqabi agutyiweyo axutywe namanzi asetyenziswa ukuphelisa amakhalane, amahlahla asetyenziswe njenge bhedi kwindlwana zee nkukhu ukugxotha isizambuzane nee nentwala. Amagqabi akhuhlwa apha esikhumbeni, ngase mnyangweni wendlwana okanye afakwe emlilweni ukugxotha iingcongconi.
“Imbiza” liyeza lesintu lama zulu elenziwa nge L.javanica ne Knysna Lilly zisetyenziswa nama Zulu ukuqinisa umzimba, nokunyanga umhlaza, isifo seswekile, ne HIV/AIDS neempawu zesifo sephepha (TB). Ityebile kwi oli, enevumba le lamuni, igxotha izinambuzane nee mpuku ezizirote. Apha eMzantsi Afrika ikhuliselwa ukuthengiswa njenge-oli, ikhandlela lokugxotha iingcongconi ngoku sebenzisa i-oli yaqulunqwa yi (CSIR) ngoko lwazi lwamasiko. Amagqabi anendawo ze oli ekugqibeleni kwama gqabi kwaye inikeza ivumba eliqhwethayo xa ithanjisiwe.
Amagqabi nee ntyatyambo siyasuswa kwesisityalo kuthathwe umophu wokwenza i-oli. Kunzima ke ukufumana ivumba elifanayo ngalo lonke ixesha, kuba ivumba layo liyatshintsha tshintsha rhoqo phakathi kwe lamuni, cinnamon, eucalyptus kunye ne mint kuhlobo olunye. Ukusetyenziselwa ukugxotha iingcongconi, abenzi bayo kufuneka behlise umyinge wevumba ngoko ngeza ilemongrass okanye nezinye ii-oli ezibalulekileyo ukufumana umlinganiselo onguwo wokugxotha iingcongconi.
Umthi owaziwa ngokuba yi “Fever tree” ukhula lula kwi mbewu noku sasazwa. Uyakhawuleza ukukhula, ithanda indawo ene langa kwaye iyonwaba nakweliphi udidi lomhlaba, ithathele kuyo iindawo eziphazamisekileyo. Iyalinywa, ivunwe kwiphondo lase Mpumalanga kunye ne Limpopo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie