Ifuywa njani I-Catfish

©Marinda Louw
Ukufuywa kwe catfish kweli lo Mzantsi Afrika kunga nenzuzo enkulu, kodwa amafama amatsha wentlanzi ezikhuliswa kumanzi acocekileyo amatsha kufuneka abenecebo eliluqilima lentengiso phambi kokuba baqale.

Iindlela Zokufuya I-Catfish

Ngenya yokuba ikwazi ukuphefumla umoya ngqo njenge oxygen yayo, nokukwazi ukunyamezela umgangatho ophantsi wamanzi onokuthi wenze umvandedwa kwintlobo zentlanzi ezikhawulezayo ukuba phantsi koxinzelelo, icatfish ingafuywa kwindawo ezinamanzi anobunzulu. Oluhlobo lwentlanzi luthanda ubushushu ngendalo kwaye likhula kakuhle kubushushu bamanzi obungama 28℃. Phantsi kwemeko zobushushu, zifuywa kumatanki enziweyo ezitena zekonkrete ze amanzi atshintshwe kufakwe ‘amatsha’ rhoqo ngemini ukuze kugcinwe umgangatho wamanzi uphezulu okanye ulungile.
Kwindawo ezinesimo sezulu esishushu ezifana ne Europe no Mzantsi Afrika, icatfish igcinwa ngaphakathi kwitonela ekwindlu eluhlaza (greenhouse) okanye indawo yokugcina, ze ubushushu bugcinwe ngombane kusetyenziswa iimpompo okanye amachityana. Amanzi aye amane ejikeleziswa rhoqo phakathi kwamatanki kunye nezihluzo ezinamandla ezenziweyo ukuze kususwe kujikwe ukungcona okanye ilindle lentlanzi ngendlela ethile elungileyo. Ezindlela zenziwe kakuhle zokuhambisa amanzi zibizwa okokuba zi ‘recirculating aquaculture systems’ (RAS) ziyakwazi ukuvelisa itoni enye (1) yentlanzi ngokwe 30 m² ngenyanga!
Ukusetyenziswa kwamachibi aluhlaza amanzi awalungelanga ukufuya icatfish eMzantsi Afrika kuba isimo sezulu sipholile kakhulu ukuze zikhule kakuhle unyaka wonke. Naphi apho ubushushu bulawulwa khona kungenziwa kulungele imveliso ye catfish.
Ulawulo lobushushu, amanzi akumgangatho ophezulu, ukutya okulungileyo kunye nolawulo olu lungileyo zonke zibalulekile xa ufuye icatfish. Kubalulekile okokuba uqonde umbane uyadingeka kuba icatfish ayinakuze ifuyeke nge mpumelelo ngaphandle kokuba umbane ukhona.

Amanqanaba Okukhula we Catfish

©Leslie Ter Morshuizen
Nangona iyintlanzi eyomeleleyo ukuyifuya, icatfish ibacekeceke xa isekwinqanaba lobuncinci kwaye isagcinwa kumatanki.
Ubomi eluvalelweni buqala kuma tanki apho ke icatfish esele zindala zenziwa zivelise amaqanda wazo kunye nencindi. Zithi zixutywe ngulowo ulawula lamatanki ze zibekwe kumatanki ukuze ziqandusele. Amaqanda we catfish awadibani nokukhanya, lamatanki ogqunywa ngumthunzi welaphu okanye iiplastiki zokogquma ezimnyama ukugcina amaqanda namantshontsho entlanzi, intlanzi esencinci, ekukhanyeni okungaqharhazanga.
Intlanzi iCatfish yenza yonke into ngoku khawuleza kuyafana nokuqandusela; amaqanda aqanduselwa kwiyure ezingama 24 emveni kokuzala. Amantshontsho asebenzisa amasaka awo iiyure ezingama 48 phambi kokutya ngaphandle okokuqala. Ngelixesha ke, amantshontsho atyiswa umxube wokutya okwenziweyo nokwendalo, ze konke oko ziwenze akhule ngoku khawuleza.
Ngenxa yokuba icatfish zitya inyama yezinye, kufuneka zilungiswe rhoqo ngeveki ukuqinisekisa okokuba tanki ngalinye linentlanzi ezilinganayo, kunge njalo iintlanzi ezinkulu zizakutya ezozincinci.
Ukukhula kwentlanzi ezivalelweyo, kuyakhawuleza icatfish ityeba nge 1 kg kwinyanga ezintandathu (6) emveni kokuqandusela kunye ne 2 kg xazibubudala benyanga ezisibhozo (8). Ukuncedisa oku kukhula zityiswa ukutya kwezinga eliphezulu. Ukutya kufana nokutya kwezinja kwaye kune soya, umbona, ingqolowa, ukutya kwezilwanyana (igazi, amathambo, inyama yenkukhu, njalo njalo) zinikezwa nomxube we vitamins – neminerali. Ngelishwa ke, mibini kuphela imizi mveliso kweli lo Mzantsi Afrika eyenza ukutya kwe catfish kwaye amaxabiso okutya aphezulu, enze ukuqikelela 2/3s yamaxabiso okuyi khulisa.

Intengiso ye Catfish

©Leslie Ter Morshuizen
Nangona inqanaba lokuqanduselwa lunzima, eyona nto inzima kakhulu kumfuyi we catfish ahlangana nayo yintengiso ngempumelelo ye catfish xasele zilungele intengiso. Kwi RAS ungayivuna mihla le, ngeveki, okanye ngenyanga kuba imveliso iyaqhubeka. Lentlanzi icatfish ithengiswa xa iyi 1 kg, sele ilungisiwe. Icatfish ingalungiswa ibezizigaqa xa kusenzelwa intengiso ethile kodwa yaziwa ngokuba inexabiso eliphezulu kwintengiso zika wonke-wonke.
Kwelase Southern Africa, inyama ecolekileyo, ethambileyo ye catfish ayikalufumani udumo elufaneleyo. Kwelase Central nase West Africa, ezintlobo zixhaphakile netoni ezingapha kwama 250 000 ezilinywa rhoqo ngonyaka eCameroon, Nigeria kunye nakwi Democratic Republic of the Congo.
Eyonanto inodumo kweli lase Mzantsi Afrika, zimveliso ze catfish ezithandwayo ezifana nonqiyoyo, ipâté, ipeti kunye nezihlunu ezenziweyo zecatfish, imfuno yezi izakukhula kweli.

Translated by Zikhona Plaatjie