I-Damask Rose Oil Eyenziwe eMzantsi Afrika

© Highlands Essential Oils
Elonga gama lichanekileyo leDamask rose oil, yi Rose Damascena oil. IRosa damascena imvelaphi yayo ise Middle East kwaye ifumaneka e Turkey kunye nase Iran. Kodwa apho ezi zityalo ze rose zininzi khona kuse Central Bulgaria. I-Rose oil sele inee sentyuri eziliqela isetyenziswa. Inyanga isifuba, ukukhohlela, ukumfuxana kunye nomkhuhlane, kodwa ikwasetyenziswa njenge siqholo, kwimvelizo zesikhumba kunye neekhozmetiksi.
Imveliso ye oli ixhomekeka kwimo ezininzi, kuquka imo yezulu, ixesha ekuvunwe ngalo, imo yeentyatyambo kunye nendlela yokumfaxanga. Xa kusesiphakathini kwexesha lesivuno, isivuno sibasikhulu kunasekuqaleni. Logama imozulu ephakathi isinyusa isivuno. I-Rose oil ithathwa kwiintyatyambo ezisandula kukhiwa ngokuzifunxa ngolophu. Lentyatyambo ivelis i-oli etyheli ongacacanga nejika ibebukukhandlelarha xa ibekwe kwigumbi elibandayo. Kufunxwa malunga ne 1kg ye oli kwiintyatyambo ezingama 4000kg. Irose concrete iveliswa ngokufunxwa nge hexane kwaye malunga ne 1kg ye rose concrete ephumayo kuma 350kg yeentyatyambo ezisandula kukhiwa. Irose leaf concrete nayo iyaveliswa.
Irose oil iqulathe ivithamin, iiminerali,iiantioxidant kunye nezithinteli zokutshotshozela kunye nokudumba kwaye ilungelana nazo zonke iintlobo zesikhumba, kuquka isikhumba esinochuku kunye nesine oli eninzi. Inceda ukuthomalalalisa ukubabomvu, kwaye inezithako ezilungileyo zokuthambisa. Ngaphezulu irose oil inganceda inyange ipsoriasis ipholise nezilonda. Ukusebenzisa irose oil eshushu okanye ebandayo kunganciphisa ukudumba kwaye kupholise nee cramp, kuquka iingqaqambo zokuya exesheni.
Iveliswa eClocolan ekumaphondo eFree State kunye nakwingingqi ye Hogsback eMpuma Koloni. Irosa damascena iyachuma kwiindawo ezinemvula ezininzi kunye nemozulu epholileyo kuba lentyatyambo idinga ubusika obubandayo ukuze kuphuhle imveliso yayo. Ngenxa yelixa elifitshane lokudubula kwentyatyambo, sinye kuphela isivuno esiveliswayo ngonyaka.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana