iAquaponics eMzantsi Afrika

© Henk Stander

i-Aquaponics ngumxube wokufuywa kwentlanzi kunye nokulinywa kwezityalo ezifana nee herb kunye nemifuno. Oku kungaba sisisombululo sokunqongophala kokutya, kwaye kunganengeniso kumafama asakhasayo eMzantsi Afrika.
Izityalo zityalwa ngendlela efanayo kubuchule be hydroponic kunye nobe aquaponic,njengoko iingcambu zidibana namanzi angcolileyo. La manzi angcolileyo asuka kumatanki ekukhuliselwa kuwo iintlanzi zamanzi acocekileyo. Emva kokuba iingcambu zesityalo zifunxe izinongo zacoca namanzi, lamanzi aphindela kumatanki eentlanzi.

Ubuchule/Iindlela zeAquaponics

©Marinda Louw
Ezi zilandelayo ziindlela/ubuchule be aquaponic obuxhaphakileyo:
iDeepwater raft aquaponics
Kobu ubuchule, izityalo zityalwa kwi polystyrene raft eyakhelwa emanzini amalunga nama 30-40 cm. Imivuzo ngobu buchule ngamanzi kunye ne pH ehlala ekwiqondo elinye, okubi ke kukubakudingeka ifilter eyongezelelweyo ukuqhekeza i-ammonia.
iClosed loop aquaponics
Obu buchule baziwa njenge shishini elikhulayo elinamandla (‘growing power model’). Obu buchule be aquaponics busebenzisa izinto ezomeleleyo ezifana nomdongwe okanye igrabile. Izityalo zityalwa kwezi zinto zifakelweyo kwiinkonkxa eziye zizaliswe ngamanzi asuka kuma tanki e-aquaculture. Le ndlela isebenza ngcono kwizityalo ezinabayo ezifana namaqunibe, iitumata kunye nee granadilla.
iReciprocal aquaponics
Kusetyenziswa izinto ezomelelweyo ezifana ne grabile kunye nomandlalo owenziwe ngomdongwe ezisetyenziswa kwinkonkxa ehlala izele ngamanzi naye atshone xa efikelele kwiqondo elithile. Ukutshona kwamanzi kubalulekile ukuthintela ukuba iingcambu zesityalo zingahlali zidada emanzini. Oku kukwathintela nokubola. Amanzi afunxekayo ahamba ngemiqolo yee dreyini, nalapho amanzi aye amane etshona ngamaxesha athile.
Obu buchule baziwa njenge ‘flood and drain’- njengoko iinkonkxa zizaliswa ngamanzi ze afunxeke zisakugcwala. Yindlela elungele amafama asakhasayo kuba kulula ukuyilawula, kwaye izityalo ezininzi zingamveliso. Ikwasebenza kakuhle kwizityalo ezidinga inkxaso eninzi, ezifana neetamati, cucumber kunye namathanga.
Ezinye Iindlela ze Aquaponics
Ivertical system yenziwe ngemibhobho yeplastiki emileyo nehamba amanzi asuka kwiindawo eziphezulu. Izityalo zityalwa emazantsi ale mibhobho.
Ifilm nutrients technique inendawo ezihamba amanzi kunye nemibhobho ye plastiki ye PVC elele ngecala, efana ne gutters. Le mibhobho inendawo ezivulekileyo ukuze amanzi angenekwiinkonkxa.
Amagqongo eplastiki engama 200-litha aye asikwe phakathi aze agcwaliswe ngamanzi okanye igrabile, nalapho iiraft ze polysterine ziye zibhabhe khona.

i-Aquaponics yaMafama Asaqalayo

Zininzi iindlela ezahlukileyo zobuchule be aquaponics. Ingenziwa ngemilinganiselo eyahukileyo, nenokuthi isebenzee iimfuno ezahlukileyo. Ukusukela kwimveliso eyanee ukondla usapho kumafama asaqalayo ukuya kwizinga loshishino/lentengiso.
I-aquaponics ingenziwa kancinane, mhlawumbi emva kwendlu, kuveliswe imifuno yokondla usapho. Icarp, tilapia okanye icatfish zingagcinwa kwitanki elingumlinganiselo ongama 500-litha. Kucetyiswa ukuba amafama amatsha asebenzise indidi yobuchule be aquaponics obubizwa nge reciprocal aquaponics.
Itheknoloji ye aquaponics iwalungele ncakasana amafama amatsha, ngenxa yezizathu ezahlukileyo:
Ingenziwa kwimihlaba emincinane ze yandiswe ekuhambeni kwexesha.
Ayingomsebenzi unzima kangako.
Kungasetyenziswa imathiriyeli engaxabisi kangako.
Akudingeki mhlaba ochumileyo okanye izantyala ntyala zamanzi.
I-aquaponics ezinomlinganiselo ophakathi zilungele ukwenzelwa imveliso yemifuno yoluntu. Ingenzelwa iindawo ezifana nezikolo, amakhaya abantu abadala, irestyu kunye neehotela.
I-aquaponics zingenziwa ngomlinganiselo olingene intengiso.
Ubudlelwane phakathi kwenani leentlanzi kunye nezityalo buza kuxhomekeka kumgangatho wokutya kweentlanzi, iindidi zentlanzi kunye neendidi yesityalo esisetyenziswayo. Izityalo ezikhula zibezide, kunye nezo zithwala iziqhamo zidinga izinongo ezininzi ezicolekileyo.
Uza kudinga ulwazi oluthe gabalala ngaphambi kokuba uqalise nayiphi na indidi ye aquaponics. Ngoko ke kukhuthazwa ukuba amafama amatsha aqale afumane uqeqesho ngaphambi kokuba aqalise ulimo nofuyo lwe aquaponics.

Ixabiso Lobuchule beAquaponics

Zonke iindlela zobuchule be aquaponics zine mivuzo kunye nemiceli mngeni yazo. Ixabiso lobuchule be aquaponics luza kuxhomekeka kumlinganiselo lowo, indlela obakhiwe ngayo kunye nendlea.

Abathengi beMveliso ze Aquaponics

©Marinda Louw
Isenokuvakala ngathi libali kodwa intetho ethi ‘abathengi/imakethi yinto yonke’ iyinyani kwezolimo nofuyo. Yiyo eqhuba zonke iindlela neendidi zolimo. Funda ngabathengi/makethi ngokuthi wenze uphando olubanzi ngaphambi kokuqalisa ukulima nokufuya. Thetha nabantu ocinga ukuba ingaba ngabathengi bakho, ufumanise ukuba ziyintoni kanye kanye iimfuno zabo. Fumanisa ukuba bathanda eziphi iindidi zezityalo, iintlobo zeentlanzi, kunye neemfuno zabo. Umzekelo, usenokubuza ukuba udinga umlinganiselo ongakanani kwaye leliphi ixesha lonyaka elisebenza ngcono. Ukuba unakho, tyikitya isivumelwano sentengo kunye nabathengi.
Kukwacetyeswa nokuba ubenemveliso ezahlukeneyo endaweni yokuvelisa into enye; umzekelo, iindidi ezahlukeneyo zee lettuce kunye neendidi ezahlukeneyo ze herb. Jolisa ekuveliseni izityalo ezahlukeneyo ezikumgangatho ophezulu ezifana ne herbs, amaqunibe kunye nee pepile. Ezi mveliso zinengeniso ethe xhaxe.
Iindidi zentlanzi ezisetyenziswayo kwi aquaponics zixhomekeka kwindidi ye ovumelekileyo ukuba ungayigcina kwindawo okuyo. Fumanisa kwi sebe lezolondolozo lwendalo elikwiphondo lakho ukuba zeziphi ezona ndidi zisetyenziswa kakhulu kufuyo lwe aquaponic eMzantsi Afrika. Amaxesha amaninzi ezi ndidi zidla ngokuquka ibream, catfish, carp kunye neentlanzi zokuhombisa.

Translated by Zizipho Silwana