I-Eucalyptus Oil ye Ngqondo Ediniweyo

© Geekstreet
I-Eucalyptus yaqala ukusetyenziswa ngabemi bokuqala (Aboriginal) base Australia ngenxa yezithako zayo ezibulala iintsholongwane-ukunyanga izilonda, ukosulelek kokubola kwakunye nokuphelisa imikhuhlane. Kwelinye icala abanyangi base China, Greek, Europe kunye nase Ayurvedic babesebenzisa ieucalyptus njengesikhuseli sokosuleka kunye neyeza lokukhohlela. Ukusukela kwiminyaka yoo 1880, oogqirha boqhaqho babesele besebenzisa i-oli ye eucalyptus njenge sibulali ntsholongwane nokucoca ngethuba besenza uqhaqho. Ieucalyptus ayisosityalo sase Mzantsi Afrika. Amagqabi akhiwa kwiigadi namasimi atyalwe ngokukhethekileyo. Ezona ndidi zivelisa ioli ye eucalyptus eMzantsi Afrika zezi: Eucalyptus smithii, Eucalyptus dives kwakunye ne Eucalyptus australiana.
I-oli ye eucalyptus ithintela intsholongwane ezandayo/ezisulelo kwaye inceda kwiimpawu zengqele kunye nezomkhuhlane. Inceda kuthi kuvuleke amarhanana (ngokusezela umophu) kwaye isetyenziswa nakwi sauna, ukupholisa iingqaqambo zezihlunu. Ngenxa yezithako zayo ezi antimicrobial, ikwasetyenziswa nakwiimveliso zokucoca. Ihamba phambili ekugxotheni izinambuzane kwaye ingasetyenziswa ukuhlamba izilwanyana zasekhaya kunye nomandlalo bazo. Olunye uncedo olubaluleke kakhulu lwe oli ye Eucalyptus oil kukukwazi kwayo ukunceda ukudinwa kwengqondo. Ikwenza ooku ngopholisa ize inike amandla ingqondo. Njengesiniki mandla, inceda kuphele ukudinwa kwengqondo, ize ivuselele nomphefumlo kwaye sele isetyenziswa nakumagumbi okufundela njengendlela yokuzisa ivumba elimyoli.
Akufanelanga ukuba i-oli ye Eucalyptus isetyenziswe ngamabhinqa akhulelweyo, abantwana babantu abaneswekile esezantsi, iingxaki ze swekile, zezintsho, zesibindi okanye zesisu. Le oli ingenza umlilo kufanele ibekelwe kude nemililo evuthayo efana namakhandlela. Imveliso ye oli ye eucalyptus ibalelwa kwisuntswana nje elizi 5% xa kuthelekiswa nomhlaba wonke. Ezona ndawo zivelisa kakhulu kuse China kunye nase Australia. E-Mzantsi Afrika, imithi ikhuliswa kumaphondo aKwaZulu-Natal (KZN) kunye nawase Mpumalanga. Owona mzi mveliso mkhulu ukwidolophu yase Richmond, eKZN.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana