Cabernet Sauvignon

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iCabernet Sauvignon yindindi yesisiselo somdiliya esibomvu esenziwe ngokudibanisa iCabernet franc kunye ne Sauvignon blanc. Inxulumene neziselo zomdiliya ezibiza kakhulu ngexabiso.

Imvelaphi

Oludidi lwenziwe pha eminyakeni ye-1700s e-Bordeaux, apho lwafumanana khona udumo ngenxa yokungamelani ne-botrytis. Isidima sayo siye sakhula pha ngenkulungwane ye-18th, ngenxa yempumelelo wommandla wesiselo somdiliya sase-Bordeaux esasiyisebenzisa njenge sona sithako esibalulekileyo xa sidibanisa isiselo somdiliya. Isuke pha kwinani lesibhozo ekubeni yeyona ndidi etyalwayo elizweni pha kwiminyaka ye-1990s ukuya kuba lolona didi olutyalwayo noludumile pha kwiminyaka ye-2000.

Amanye Amagama

Pha kwinkulungwane ye 18th e-Bordeaux yayi bizwa njenge Petit Vidure. Yaziwa nangegama ekuthiwa yi Petit Cabernet.

Imveliso e-Mzantsi Afrika

Akuqinisekangwa ukuba i-Cabernet Sauvignon ifike nini apha eMzantsi Afrika kodwa kungenzeka ukuba kudala ikhona ukusuka pha kwinkulungwane ezimbini.

U-Profesa Izak Perold wase yunivesithi yase Stellenbosch pha ngeminyaka ye-1920s,wayichonga njenge silimo esinekhono lokuvelisa iziselo zomdiliya ezikumgangatho ophezulu kwaye walukhuthaza uveliso lwayo. Ekuqaleni oluhlobo lwalusetyenziswa ukuvelisa uhlobo olulodwa lwesiselo somdiliya, kodwa ethubeni lwasetyenziswa ukudibanisa ezinye iintlobo.

Ummandlawemveliso

iCabernet Sauvignon yeyona ndidi yesiselo somdiliya esibomvu esityalwa kakhulu e-Mzantsi Afrika. Idiliya zifumaneka kuzo zonke iindawo ezivelisa isiselo somdiliya, iStellenbosch yaziwa ngokuba yeyona ndawo enkulu kwimveliso, ilandelwa yi Paarl, ne Swartland kunye ne Robertson.

Ukukhula

Ikhula ngokucacileyo nangamandla futhi ivelisa iinkuni eziqinileyo. Umlinganiselo wemveliso usuka pha kwi-hektare eziyi 6 t ukuya pha kwi hektare eziyi 12 t.

Ukuvuthwa

Idiliya zivuthwa kade phakathi kwesizini, ekupheleni kwenyanga yo-Kwindla.

Amaqunube

Lendidi incinci, ithambile, inxazonke, imaqunube amnyama. Isikhumba sayo siqinile futhi singqindilili ekubeni umphakathi wona unencasa yengca.

Amagqabi

Amagqabi amnyama luhlaza, aphakathi ngesiqu, anxazonke kwaye anamajikijolo amahlanu, amajikijolo wona agqithisele.

Izinambuzanene Zifo

Oludidi lunkenenkene kwi-oidium nakwi xoshomba elintofontofo, kodwa ziyamelana ne-botrytis.

Intsebenziso

E-Mzantsi Afrika, iCabernet Sauvignon inxulumaniswa nohlobo oluphambili lwakuqala lweendidi zesiselo somdiliya ukusuka pha kwiminyaka ye-1920s.

Isetyenziswa ekudibaniseni ezinye iindidi, ezifana ne Cinsaut okanye iShiraz ukuthambisa iasidi yesityalo, ukuze iPinotage kunye nezinye iindidi zikwazi uvelisa umxube oyi Cape okanye iMerlot, Cabernet franc njalo-njalo ukuvelisa umxube we-Bordeaux.

Incasa

Iindidi ezininzi ezifana nesisiselo somdiliya zenziwa e-Mzantsi Afrika, ukusuka kweziqholwe ngamaqunube ukuya kwi-likhoritshi, itshokholethi, ingca kunye nopelepele oluhlaza. Ngokwesiqhelo, kutyalwa iintlobo ezininzi ngokwe hektare ukwandisa ubunzulu besisiselo somdiliya.Translated by Aviwe Damane