Bukettraube

Inkcazelo

iBukettraube sisityalo esimhlophe esinuka kamnandi. Esi sityalo imvelaphi yaso ise Jamani. Saphuma ngokuthi kudityaniswe umdiliya we Sylvaner kunye ne Trollinger. Ejamani sivuthwa kade kwaye siyathanda ukuhlaselwa kukungunda ukubangathi ngumgubo. Esi sityalo sele sibukuphela.

Imvelaphi

Jamani

Amanye amagama

Bouquettrabe, Bukettrebe, Boxer, Riesling Bukett, Sylvaner Musque, Bukettriesling, Bocksbeutel, Wuerzburger

Imveliso eMzantsi Afrika

Imidiliya yokuqala (eshicilelweyo) yatyalwa ngomyaka ka 1928 kwi fama yase Lemoenfontein kufuphi ne Paarl. Izityalo zalomdiliya zincitshiswe ukusuka kwi 280ha ngomnyaka ka 2000 ukuya kwi 52ha ngomnyaka ka 2016. Inkoliso yeBukettraube (31.5ha) ifumaneka kwingingqi yase Swartland.

Iingingqi eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Zibalelwa kwinani elingama 70ha kuphela inani le Bukettraube ezikhoyo ehlabathini. Kwelinani zimalunganga nama 68ha ezityaliweyo eMzantsi Afrika (2014), ingakumbi e Cederberg, Paarl kunye nakwingingqi zase Malmesbury.

Ukukhula

Esi sityalo sithwalo isivuno esikhulu, kodwa sikhula kade kwaye si ethe-ethe. Kuyabiza ukusikhulisa ngenxa yendleko ezinkulu zokutshiza ngesibulali zonakalisi.

Ukuvuthwa

Lomdiliya uvuthwa kade, kodwa oku kukhokelela kwi asidi ekumaqondo aphantsi angama 5-6/I.

Amagaqa omdiliya

Lamagaqa makhulu, arawndi anencasa ane xolo elomeleleyo, elimnyubuluzi. Ibazibhantshi ezinkulu, ezimile okwe khowni.

Izonakalisi nezifo

iBukettraube iyakuthanda ukufunyanwa zizifo ezifana ne oidium (ukungunda okungumgubo) nokushwabana kwamagqabi kwaye itsha lula lilanga.

Imisebenzi

Kwiminyaka yo 80 iBukettraube yayisenziwa ibenencasa e switi, isetyenziswe njengesityalo esivunwa kade kwaye ixutywa neminye imidiliya ukuwenza iwayini. Udumo lwayo lwehlile, waye ayisaxutywa neminye imidiliya ukuvelisa iwayini. Kwaye ukutyalwa kwayo eMzantsi Afrika kwehlile ngenxa yokubanzima kwayo ukuyikhulisa. Ukuvunda kwe Bukettraybe akugqithanga kwinyanga ezingama 12. Ingaselwa nesaladi ezine spaysi, ikheri, inyama ezosiweyo kunye ne dizethi.

Ivumba nencasa

Bukettraube ikhupha amavumba acacileyo e pesika kunye nawentyatyambo e Muscat. Xa idibene neplanga iBukettraube ivelisa incasa ezimtylibilizi ze bhatha okanye incasana eqhwethayo.Translated by Zizipho Silwana