Amaqabane ayaphinda ayadibana: uNelson Mandela no Oliver Tambo

© Dr Peter Magubane
Amaqabane aphinde adibana: uOliver Tambo no Nelson Mandela badibana okokuqala eMzantsi Afrika emveni kokubuya kuka Tambo emveni kokumka iminyaka engamashumi amathathu (30) eselubhacweni. wabuya ngomhla we 13 ku December ngonyaka ka 1990.
uOliver Tambo wayeyi Tishala eMzantsi Afrika, igqwetha ne tshantliziyo elichasene nengcinezelo, waya elubhacweni ngeminyaka yo 1960.
Wayefuna ukufundela ukubangu Gqirha, kodwa akukho Yunivesithi eyayithatha abafundi abamnyama ngeloxesha, ze wancamela ukufunda izibalo (mathematics) ne physics kwi Yunivesithi yase Fort Hare apho wadibana khona okokuqala no Mandela. Ngonyaka ka 1942 wadibana no Walter Sisulu eRhawutini ze wazibandakanya neqembu longqondongqondo (elali quka uNelson Mandela) owayevuselela umbutho we African National Congress (ANC). uTambo waba ligqwetha ngonyaka ka 1952 ze uMandela owayeli gqwetha naye wamcela basebenze bobabini. Iofisi zabo zazi se Chancellor House eRhawutini, yaba yi ofisi yama Gqwetha yokusebenzela uMandela noTambo.
uTambo waba selubhacweni iminyaka engama shumi amathathu ehamba kakhulu ekhankasela i-ANC ecacisa nangemeko yengcinezelo eMzantsi Afrika. Wathetha ne UN ngo 1963 apho isicelo sakhe sokukhululwa kwamabanjwa ezopolitiko saqhwatyelwa izandla. Kumfanekiso ngu Oliver no Nelson bedibana okokuqala kumhlaba wase Mzantsi Afrika, emveni kokubuya kuka Tambo elubhacweni lweminyaka engamashumi amathathu (30) ngomhla ka 13 December ngonyaka ka 1990.

“Njengoba ndandiphuma emnyango ndisingise kwi sango elikhokelele kwi mpumelelo yam, ndandisazi ukuba andishiyi inzondo nesixhiba ngasemva, ndiyakube ndisese ntolongweni.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more