Small-Spotted Genet
Ikanu

© Nigel Dennis

Igama

Ikanu elincinci elinemibala – laziwa njenge Kanu [Genetta genetta]

Inkangeleko

Elikani linemibalabala lincinane kune Kani elikhulu, iimpawu zayo ezimhlophe namnyama zahlukile kwaye azinamxube wehlwa. Umsila wona uphawulwe mhlophe, owungafaniyo nomsila ophawulwe mnyama we Kani elikhulu. Umzimba wayo ingathi umdaka-mhlophe aphinde ogqunywe ngamabala amnyama enza imigca esuka entloko ukya emsileni.
Apha emqolo kukhona isihluthi senwele ezimnyama. Inophawu olwahlukileyo olumhlophe apha ebusweni ezantsi kwamehlo, lona alucacanga pha ngase mlonyeni nase bunzi. Zinenzipho ezibukhali. Imisila yazo mide futhi iminyama namhlophe.

Itya ntoni

Eli-Kani lincinci lithanda ukutya izilwanyane ezanyisayo kunye nezinambuzane. Amalulwane, iintaka, izilwanyane ezirhubulazayo, amasele, amasongololo, ikume, nonomadudwane zibhalwe njengo kutya kwayo. Kubonakala ingathi itya iziqhamo enzinci kune Kani elikhulu.

Ukuzala

Inzalo ezimbini ziyazalwa enyakeni, eneminyaka emini ukuya kwemithathu. Ixesha lokumitha lithatha iintsuku eziyi 70-77. Iindlebe kunye namehlo eentsana avuleka emva kwentsuku ezi 5-18. Izinja ziqhuma ngenyanga yokuqala. Zithatha ukutya okuqinileyo emva kweveki ezimbalwa kodwa ziyaqhubeka zincanca iinyanga eziliqela.

Isimilo

Ithanda ukuzihlalela yodwa, amaqabane akafane abonwe, mhlawumbi pha kwixesha lokukhwelana. Ithanda indawo enamahlathi omileyo, nangona ifumaneka kwindawo enemilambo. Ithanda ukuzilalela emthini pha emini kodwa kuqhelekile ukuba ifunyanwe kwimingxunya nasematyeni apho izozifihla khona. Ayithandi ukuhlala emthini yona njenge Kani elikhulu.

Zifumaneka phi

Nangona oluhlobo lukhangeleka lufumaneka kakhulu pha eMzantsi Afrika, lithanda ukufumaneka kwiindawo ezomileyo okanye iingingqi zase Mzantsi Afrika. Inqabile pha kwintshona yase Namibia nakwintshina kunye nomzantsi-ntshona wonxweme lwase Mzantsi Afrika.

Amanqaku asendle

Ezizilwanyana ziyalulama kakhulu kwiindawo ezihlala abantu pha kwi safari nangona zidume ngokukhwela phezu kwetafile ngexesha lokutya zithathe ukutya ezitafileni.