Izityalo Zokusitha

©Louise Brodie

Izityalo zokusitha zityalwa phakathi kwemithi yemidiliya, zivamise ukutshintshwa rhoqo emva konyaka. Oku kwenzelwa izizathu ezahlukeneyo; ikakhulu ukuze kucinzelelwe ukuntshula kokhula. Kodwa kukwanceda ekunciphiseni ulophu, uphuhliso lwendlela owakhiwe ngayo umhlaba nokuze amanzi angene kakuhle kwimithi yemidiliya.

Futhi kunqanda nokhukuliseko lomhlaba kwimihlaba emqengqelezi. Elona xesha lililo lokutyala ezi zityalo zokusitha kusekupheleni kwehlobo xa kanye amaqondo obushushu omhlaba ese phezuu ukuze kuntshule imbewu. Kube sekukho nemvula ezaneley, ingakumbi esiphakathini senyanga ka Epreli ukuya ekupheleni kwenyanga ka Meyi.

Uhlobo lwezityalo zokusitha kuxhomekeka kudidi lomhlaba nendidi leyo yomdiliya we wayini etyaliweyo. Izityalo zokusitha ezingatshintshwayo zisenokutyalwa ecaleni kwezidiliya ezichumileyo. Logama izidiliya etsala nzinyana ingazuza kwezimbotyi zongeza initrogen emhlabeni. Eminye imidiliya yokusitha inceda ukufunxa amanzi amaninzi emhlabeni.

Esona sityalo sokusitha sixhaphakileyo yitriticale (umxhube phakathi kwe ngqolowa ne rye), kodwa abavelisi abaninzi bakholwa kukutyala imixube yeembewu.

©Francois Viljoen Wineland

Izityalo zokusitha ezilawulwa nge khemikhali okanye ngemitshini zingokha ushinyano lwendalo apha ngaphezulu emhlabeni; nto leyo inciphisa ubushushu bomhlaba ize ithintele nokutsha kwamanzi ngaphezulu emhlabeni. Ezi zityalo zingangana nzulu emhlabeni ukuze zincede umgangatho womhlaba nendlela okwazi ngayo ukubamba amanzi.

Maxa wambi izityalo zokusitha zisebenza njengohlaza olusisichumiso xa izityalo ezisencinci zityalwe emhlabeni. Izityalo ezizimbotyi (ezifana ne lupins, clover, vetches kunye ne serradella) zibophelela initrogen emoyeni zize ziyikhuphelele emhlabeni ukuze kunyuke initrogen emhlabeni. Ezinye izityalo zokusitha zikhethelwa ukukwazi ukugcina izinambuzane ezonakalisayo.

Itsala izinambuzane ezizintshaba zendalo kwimithi yemidiliya. Imizekelo yezinye izityalo zokusitha zi radish kunye ne mustard emhlophe. White mustard kunye ne saia oats azikwasetyenziswa njengezityalo ze allelopathic ukuxinzelela ukukhula kokhula. Iimbotyi ze Fava zilungele imihlaba emanzi nene aside, zikwanceda nokongeza isichumiso se nitrogen.

Ezinye izityalo zokusitha ezifana nengqolowa kunye ne paspalum zisebenza ukugquma umhlaba ungakhukuliseki. Ukuphelisa ukhuphiswano lwezinongo phakathi kwezidiliya nezi zityalo zokusitha, izityalo zokusitha zisongwa zithi nca phantshi okanye zibulawe xakufika inyanga ka Septemba xa kanye ziqala ukudubula.

Translated by Zizipho Silwana