Izitshabalalisi Zemidiliya - Iinyekevu kunye nee Ntethe

Iinyekevu

©Abraham Vermeulen ARC Infruitec

Iinyekevu ezahlukeneyo ziyafumaneka eNtshona Koloni, umzekelo, inyekevu emdaka ngebala ehlala esitiyeni, inyekevu emhlophe yesanti kunye ne nyekevu enemigca. Iinyekevu zinyuka ngesiqu somthi we diliya kwaye sonakalise imidumba kunye nentshula ezintsha kwaye zitya amagqabi. Iidiliya kufuneka zihlolwe rhoqo ukuze kubonwe ukosuleleka.

Ulawulo lwe khemikhalo lungenziwa ngokusebenzisa isihrwebi senyekevu nesifakwa kwiindawo ezifumileyo kwaye namadada asetyenziswa ukulawula zingandi. Lawula izityalo ezikhuselayo kunye nokhula. Tyala izityalo zokukhusela ezingenamtsalane kwii nyekevu. Qwalasela iindawo ezizalela kuzo iinyekevu ngaphandle kwentsimbi yediliya, umzekelo indawo ezima amanzi.

Iintethe

©Marce Doubelle

Iintethe zizinambuzane ezibhabhayo ezonakalisa intsimi yediliya. Imingxuma emagqabini zimpawu zokosuleleka. Yohlukile kune bhungane elinomboko nelitya amagqabi ediliya emacaleni, iintethe zitya nandawoni na emagqabini. Imo yezulu kusenokwenzeka ukuba nayo idlala indima ebukhweni bee ntethe: Imo yezulu eyomileyo, efudumeleyo yenza kubelula ukuba zizalele amaqanda.

Akukho sibulali zinambuzane sibhalisiweyo sikhoyo sokulawula iintethe, kodwa isibulali zinambuzane samabhungane anomboko singanceda kucutheke ubukho bazo. Kukho uphando olumiyo lwendlela ezinokulawulwa ngayo iintethe zingandi kwakunye nentsholongwane zokungunda.

Translated by Zizipho Silwana