Izifo Zokungunda Zediliya - Sokubola Kwangalo kunye Ngunda oku Ngwevu

© Tom Maack

Isifo Sokubola Kwengalo

Isifo sokubola kwengalo yediliya sibangwa kukunguda okuyi Phomopsis viticola. Iimpawu ziquka umdaka, namaqhuma asemazantsi kweziqu zemithi. Ibonakala kwasekuqaleni kwexesha lokulima, kanye xa izityalo ziqala ukudubula.

Oku kubangga ilahleko yezityal njengoko izityalo zikhawuleza ukwaphuka. Amachokoza atyheli anombala omnyama esiphekathini aye avele embindini wa magqabi-Oku kungalula ukuba kubhidaniswe nokonakala okubangwe sisibulali zinambuzane i paraquat.

Isifo sokubola kwengalo yediliya silawulwa ukuqala kokuntshula kwamahlahla ukuya ekudubuleni kwee ziqhamo. Iziqu zemithi enala maqhuma kufanele isitshulwe ngokuzicheba, kuba lamaqhuba asenokudala ukosuleleka ngakumbi.

Ukungunda oku Ngwevu

Ukungunda okungwevu kuqala kuphume umbala omdakasholo wexolo lediliya. Amaxolo omdiliya angatyibilika kwinyama yediliya (eyona mpawu ixhaphakileyo). Phantsi kwemeko ezimanzi, amachokoza okungunda angwevu angabonwa kwimidiliya.

Lamachokoza abangelwa kukungunda okungwevu okubizwa nge Botrytis cinerea kwaye oku kungabangela ukuba iwayini ezimhlophe ezikwizinga eliphezuluv zibole, nezithandwa kakhulu ngenxa yenkcasa yazo ekhethekileyo.

Kumathuba amaninzi ukungunda okungwevu kukhokelela kwisivuno esimbalwa kwaye nemidiliya ekumgangatho osezantsi kwaye imidilya ye wayini ebomvu, inganencasa embi. Ukungunda okungwevu kungalawulwa ngokutshiza isibulalu kungunda ukuqala ngethuba iintyatyambo zidubula ukuya kuma ngexesha lokuvuna.

Ulawulo ukusukela ekuqaleni kokutshintsha kombala (Xa amagaqa omdiliya eqala ukuvuthwa etshintsha nombala) de kube lilixa lokuvuna kubaluleke kakhulu. Ulawulo lwediliya kubalulekile ukuze kuncitshiswe amagqabi axineneyo. Amagqabi axinene kakhulu, ibangela imozulu phakathi kwemidiliya ifume. Oku kufuma kwandisa amatghuba okukhul kwentsholongwane yokungunda.

Umoya owaneleyo ukwadlala indima enkulu ekomiseni amagqabi msinya emva kwemvula. Imithi yemidiliya echume kakhulu nehlala ifumile ingahlaselwa lula sesi sifo. Ngoko ke, nciphisa uchumiso nge nitrogen kwindawo ezibuthathaka ukuze amagqabi angakhuli ngokugqithisileyo. Kwintsimi zediliya ezichaphazelekileyo imithi esulelekileyo kufuneka isitshulwe ze itshiswe.

Translated by Zizipho Silwana