Izifo zee Ntsholongwane ne Zosulelayo

© Vitiec Winetech

Isifo sentloko yomthi yediliya sesona sifo see ntsholongwane sixhaphakileyo kwi mithi ye midiliya; kwaye siqhele ukuhlasela imithi ekwii ngingqi zase Olifants River kunye nase Lower Orange River. Iimpawu ze Isifo sentloko yomthi yediliya ziquka ukuvela kwamaqhuma kwisiqu kanye kufuphi no mhlaba.

Amaqhuma atyheli-mfusa kunye nee ntanda zivela kwixolo ingakumbi kufuphi nalendawo bekudityabaniselelwa kuyo imithi Ethubeni lamaqhuma ajika abe mdaka. Isifo se Crown gall sihanjiswa ngamanzi kunye nezixhobo zase masimini. Ilawuleka ngokusebenzisa izixhobo zokutyala ezifumene unyango lwamanzi ashushu.

La maqhuma asenokususwa ze emva koko izilonda eziseleyo zinyangwe ngo bhedu. Izifo zee ntsholongwane enwenwayo zingafumaneka nakuyo neyiphi ingingqi ekhulisa imidiliya ye wayini. Ukubakho kwazo kunga xhomekeka kwiqondo lokucoceka kwezi xhobo zokulima. Izixhobo zokulima zingenziwa zingabinayo lentsholongwane ngokuzitshisa ngobushushu.

Ukulawula ezintsholongwane nge khemikhali akuncedi, kodwa kubalulekile ukulawula intwala yee diliya kuba yona inwenisa isifo kuyo yonke imiqolo ekulinywe kuyo.

Isifo Sokubola Kwamagqabi Ediliya

Isifo sokubola kwamagqabi ediliiya siqheleke kwimidiliya efana ne Cabernet, Merlot kunye ne Chardonnay, kodwa kwimidiliya emhlophe efana ne Cape Riesling kunye ne Semillon nayo isenoku hlaselwa sesi sifo.

Akukho mpawu zibonakalayo ngexesha le ntwasa hlobo, kodwa ukusukela kwinyanga ka Novemba, amagqabi omdiliya obomvu ajika abe bomvurha aze aqalise ukugobela ngezantsi. Kubalulekile ukulawula iimbovane kunye nemibungu ehlala kwimithi yemidiliya kuba zidlala inkxaxheba ekunwenwiseni kwe ntsholongwane Isifo sokubola kwamagqabi ediliiya siqheleke.

Kucetyiswa ukuba kohlulwe phakathi kwemithi ye midiliya echaphazelekileyo kunye naleyo ingekosuleleki. Kwaye ne zixhobo nayo yonke into esetyenziswayo kwizityalo kufuneka icocwe ngesibulali ntsholongwane rhoqo igqiba kusetyenziswa kwimithi yemidiliya echaphazelekileyo.

Isifo se Shiraz

Isifo se Shiraz, sichaphazela iMerlot, Shiraz, Malbec kunye ne Gamay kwaye sibangelwa yintsholongwane ebizwa nge ‘grapevine virus A’. Esi sifo sikwaphawuliwe nakwi Viognier. Sibonakala ngokuba iziqu zemithi zibengathi yi rabha, zibe yokoyoko kwaye zingamili ngokufanayo ngengokuba kuntshula amahlahla umthi osulelekileyo uyacotha ukumila wona.

Iibhantshi ze midiliya zincinane kunezo zesiqhelo okanye zingabikho kwazona. Amagqabi abangumbala omfusa kwaye awa kade kakhulu. Akukho nyango lwaso esi sifo kwaye imithi yemidiliya ivamise ukufa kwiminyaka emithathu ukuya kwemihlanu.

Siyazinwenwela ngokwaso kwintsimi yonke yomdiliya , kodwa imealy bug nayo ngomnye unobangela wokunwenwa kwesi sifo se Shiraz. Ezo phando zifumanise ukuba esi sifo singatsatyalaliswa ngokutshiswa kwezityalo ebeziqale zosuleleka. Imithi echaphazelekileyo iyasitshulwa ze itshiswe.

Ezinye Izifo

Zininzi ezinye izifo kwaye esinye esi sandula kufunyanwa kwimithi yemidiiya sisifo iAster Yellows. iChardonnay kulula kakhulu kuyo ukuba ihlaselwe sesi sifo. Iimpawu ze ‘Aster Yellows’ ziquka amagqabi ashwabeneyo. Amagqabi emidiliya emhlophe ajika abe tyheli ze awe midiliya ebomvu wona ajike abe bubomvurha.

Amagqabi abangqindilili kune siqhelo, abe krwaba-krwaba ze agobele ngaphantsi. Amahlahla mafutshane kwaye ayacotha ukukhula. Esi si sifo esinobungozi kakhulu kwaye nge thamsanqa sibakho kubekanye emva kweminyaka ethie, ngoko ke kubalulekile ukuba kwa mpawu ingaqhelekanga kwintsimi yomdiliya yenziwe iVinPro.

Uphando olungeka gqitywa ncam lubonakalise ukuba esi sifo singahanjiswa nasi sinambuzane esitya amagqabi ediliya. Amagqabi asulelekileyo kufanele asuswe kwaye rhoqo emva kokuvunwa intsimi yonke isitshulwe nee ngcambu zayo.

Translated by Zizipho Silwana