Flap-neck Chameleon
Ilovane

© Nigel Dennis

Igama

Ilovane [Chamaeleo dilepis]

Iinkukacha Ezibalulekileyo

Uluhlu - Reptilia
Ubume - Squamata
Usapho - Chamaeleonidae
Ezinye iindidi - Inani lezinye iindidi zamalovane luyachazwa kuluhlu lwawo.
Ubude (Imazi) - 120 - 140 mm
Ubude (Inkunzi) - 120 - 140 mm

Inkangeleko

Le ntlobo ye Lovane inkulu linamaqhuqhuva amancinci, amhlophe angonxantathu entanyeni nase siswini. Umbala walo uyohluka, ukuqala kutyheli ongacacanga imibala eluhlaza ukuya kwe mdaka. Isisu simhlophe, kwaye kuvamise ukubakho imigca emhlophe emacaleni.

Apho afumaneka khona

Afumaneka kwindawo ezitshisayo e Afrika, emazantsi aya Kwa-Zulu Natal, Mpumalanga, nakumaphondo engentla, ku Mntla nase Mpuma ye Botswana, ukuya kwiphondo LoMntla Koloni nase Mntla Namibia.

Isidlo

Ilovane liphila ngezinambuzane, ingakumbi iintethe kunye noo qongqothwane.

Ukuzala

Ukugqibelela kweqanda kuthatha iinyanga ezi 3-4. Imazi iqunjelwa ngamaqanda amancinci angama 25-50; lamaqenda iwabeka ehlotyeni. La maqanda asenokuthatha iintsuku ezingama 377 ukuqandusela endle.

Amanqaku asendle

Ukohlula phakathi kwe mazi nenkunzi kulula. Iinkunzi zimbhaxa esikhondweni somsila kwaye zinenyama ekhula apha emva kwenyawo ngalinye langemva.