Yintoni Imveliso yeeNtlanzi Zokuhombisa?

© BROMLEYS Aquatic Specialists

Iintlanzi zokuhombisa ezifana ne koi, goldfish, kunye ne tropical aquarium fish ziintlanzi ezintle ezigcinelwa ukuhombisa. Zisenokugcinwa kwi glasi ezaliswe ngamanzi kunye nezinto ezingumfunziselo wangaphantsi kolwandle okanye kumachibi eentlanzi.
Incinane imveliso yeentlanzi zokuhombisa eMzantsi Afrika, kwaye zimbalwa neendidi eziveliswayo. Iindidi eziveliswayo zi koi, Lake Malawi cichlids, discus fish, killifish kunye ne goldfish. Ezi ntlanzi ziveliswa kakhulu kuma Phondo ase Mpuma Koloni, Mpumalanga kunye na KwaZulu-Natal. Imveliso iba yezo ndidi zithile kuphela. Osomashishini beli lizwe bakhuphisana nemveliso ezisemgangathweni ophezulu ezisuka kwamanye amazwe; ingakumbi awase Ntshona. Malunga nama 95% eendidi zeentlanzi zokuhombisa zase Mzantsi Afrika zithengwe kwamanye amazwe.
Ayikho indawo kwi makethi yase Mzantsi Afrika, enentlanzi ezinamaxabiso aphantsi kwanomgangatho ophantsi. Iimveliso ezithengwa kwamanye amazwe azixabii kangako xa kuthelekiswa namaxabiso eli lizwe emveliso kunye nokuthutha.

Iimfuno ze Mveliso Yeentlanzi Zokuhombisa

Ukuba uMzantsi Afrika ungaze uthathe isigqibo sokuyeka ukuthenga iintlanzi zokuhombisa kwamanye amazwe, uzenzele eyawo imveliso. Kufanele ulandele le migaqo mine, neqinisekisa impumelelo yemveliso yeentlanzi zokuhombisa zakumazwe ase Mpuma:
Yonke into ime ngendlela.
Umgangatho wentlanzi uphakame kakhulu
Intengiso ikwilizwe lonke.
Ufuyo lweentlanzi zokuhombisa lwenziwa phantsi kwemeko ezifudumeleyo kwaye zizilungele iindidi zentlanzi ozifuyileyo.
Imveliso yeentlanzi ezisemgangathweni ayinakho ukwenzelwa kwi tanki le glasi, eleplastiki nkqu nele konkrethi. Imveliso yamazwe ase Mpuma (Far East) ivamise ukwenzelwa emachibini anamanzi aluhlaziz kunye nokutya okwaneleyo kwendalo. Ukuqinisekisa oku, kufanele kugalelwe izichumiso emanzini ukuze kukhule ukutya kwentlanzi kwendalo okufana ne daphnia, cyclops kunye ne algae.
Kwilizwe loMzantsi Afrika, imveliso yentlanzi zokuhombisa ingadinga amatonela afudumeleyo nalapho amanzi angagcinwa kumaqondo obushushu angaphezulwana kwama 25℃. Imveliso yentlanzi zohlobo lwe goldfish, neentlanzi ezihlala kumatanki oluntu ezifana ne tetras, labeo ‘sharks’ kunye ne catfish azibikho kumgangatho uphucukileyo ukuba zigcinwa kwindawo ezingafanelekanga.
Kubalulekile ukubeka iliso uze ugcine nomgangatho uphezulu kufuyo lweentlanzi zokuhombisa ukuze ube yimpumelelo. Umzekelo wokubaluleka koku ungabonwa zifama ezinkulu ezigcina iintlanzi zokuhombisa kwiPhondo laKwaZulu-Natal nalapho eli Phondo lalivelisela uMzantsi Afrika iindidi ezininzi ezahlukeneyo zeentlanzi kwiminyaka yoo 1990. Le fama yayinobuchule beetonea ezingaphaya kwe 150, yayikwathengisela nelizwe lase Melika intlobo ye guppies ekumgangatho ophezulu.
Eli shishini laliqhuba kakuhle, ligadwe ngabantu abanamava, abawaziyo umsebenzi wabo kwaye abanenkathalo. Yathi isakunikelwa kubasebenzi, umsebenzi ngamnye enoxanduva lokukhathalela itonela enye nangaphezulu, yabhanga ngonyaka nje omnye. Yabhangiswa kukusilela kwenkathalo ngalo lonke emandle, umgangatho wokutya nkqu nokuphiwa kwentlanzi rhoqo ukutya.

Imiceli Mngeni Kufuyo lwee Ntlanzi Zokuhombisa eMzantsi Afrika

©Marinda Louw
Incinane imveliso yeentlanzi zokuhombisa eMzantsi Afrika, njengoko iintlanzi ziinga imozulu ezifudumeleyo ukuze zikwazi ukuzala. Eyona ndawo zininzi kuyo nezithengwa kuyo kukwi Phondo lase Rhawutini. Ngaphazu koko, kubalulekile ukuba kubekho umbane ongaphazamisekiyo nohlala ukhona ngalo lonke ixesha. Kuzakuhlala kukho abathengi abathile abathenga iindidi zentlanzi ezikhethekileyo, nalapho ingeniso kunye neendleko zothutho zizakuhambelana. Nto leyo eya kubangela ukuba kuqhutyekwe nokuveliswa ezi ndidi. Imizekele yezi ndidi zii Lake Malawi cichlids, discus kunye nezinye iindidi zeentlanzi ekunzima ukuzifuya nokuzandiza en masse.
Uqeqesho lwamafama amatsha eMzantsi Afrika luphelele kumafama abucala angochwephesha ekufuyeni iintlanzi. Lunqabile olu lwazi kumasebe ka rhulumente nakwiminyango yofuyo lweentlanzi zokutyiwa. Olu lwazi lungalungela ukugqithiselwa nakumafama asaqalayoa eentlanzi zokuhombisa.

Translated by Zizipho Silwana