uNelson Mandela utyikityela aBantwana Besikolo iGama Lakhe

© Dr Peter Magubane
uNelson Mandela utyikityela abantwana besikolo igama lakhe
Kubo bonke ubomi buka Mandela bezo politiko, waye thetha nabafundi abaninzi. Waye ndwendwela izikolo, zase lokishini nase zidolophini ukuthetha nolutsha lwase Mzantsi. Ekupheleni konyaka ka1960 ulutsha lalwa ngokuchasana nocinzelelo ze baqhanqalazela imfundo ye Bantu Education Act eyayinyanzelisa okokuba kufundiswe ngolwimi lwesibhulu zonke izifundo kubafundi bonke. Imini yovukelwano yolutsha eSoweto, yaziwa ngokuba yi mini Yolutsha kwaye iyabhiyozelwa rhoqo ngomhla we 16 kwinyanga ka June. Ikhumbula ubomi bolutsha olwathi lwasweleka kwaye nentsuku zobandlulo, kwaye ibhiyozela Amandla olutsha.
uMadiba wayekonwabela ukuthetha nolutsha kwindibano. Wayehlonitshiwe ngumntu wonke eMzantsi Afrika kwaye ehlonitshwe ngomncinci nomdala. Nokuba uMadiba wayetyikitya igama lakhe okanye eveze uncumo lwakhe ecinga waba negalelo kulutsha lwase Mzantsi Afrika.

“Ngaphandle kwe mfundo, abantwana benu abanakuze bakwazi ukudibana nemiceli mngeni abazaku jongana nayo. Ngoko ke kubaluleke kakhulu ukunika abantwana imfundo ubacacisele ukuba kufuneka badlale indima kwi lizwe labo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more