uMadiba no Mzukulu wakhe uBambatha

© Dr Peter Magubane
Ukujongana amahlo namehlo kuka Mandela no mzukulwana wakhe uBambatha.
uMadiba waye yindoda ethanda usapho. Waye nabantwana aba thandathu, abazukulwana abalishumi elinesixhenxe, nabazukulu besizukulwana abalishumi elinethoba kwaye wayebathanda bonke. Intombi ka Mandela, uZindziswa Mandela-Hlongwane waye no nyana owayengu Bambatha, owayengu mntwana ukuphuma kuka Mandela entolongweni. Kumfanekiso apha ‘ngutata wesizwe’ esonga umzukulu wakhe, encume ngovuyo kulomntu mhle, ebonakalisa icala lakhe elithambileyo, neline nkathalo lenkokheli.
uMadiba wayebathanda abantwana, kwaye wayesima athethe nabo kwii rali nendibano. Nangona lenkokheli yayihlala inxibe ngoku ndlilisekileyo isesi dimeni, wayenecala elikhathalayo elalingaziwa lilizwe, babe bona kwimifanekiso kuphela. Ngenxayo thando lwakhe lwabantwana uMandela waqala iNelson Mandela Children’s Fund ngonyaka ka 1995 wanikela ngesiqingatha somvuzo wakhe logama wayengu Mongameli wale ngxowa. Kwiminyaka emibini kwanikelwa ngezigidi zerandi ezingamashumi amathathu nesithandathu (36 Million) nemisebenzi eyi 780.

“Nika umntwana uthando, ukuhleka kunye noxolo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more