uNelson Mandela no Thabo Mbeki
Evuyile. uMongameli osandula kunyulwa, uThabo Mbeki no Nelson Mandela eOrlando Stadium eSoweto.
Umongameli wesibini kwi Nkululeko
uThabo Mvuyelwa Mbeki wazalwa ngomhla ka 18 June ngonyaka ka 1942, kwilali encinci eyaziwa ngokuba kuse Mbewuleni, Kwi Mpuma Koloni (Eastern Cape) ethetha indawo yembewu. Ngo 1956, eneminyaka eyi 14 uThabo Mbeki wazibandakanya ne African National Congress Youth League (ANCYL). Ngo 1962 wawushiya uMzantsi Afrika waya elubhacweni ngelixesha eselu bhacweni, uMbeki wafunda ngezo rhwebo eSussex University, Engilane ze wafumana isidanga se Masters, Emveni koko walolongwa njenge joni e USSR. Ze wayokuhlala eZambia de yabangu 1990 apho i-ANC saphakanyiswa khona isibheno, ngo 1994 wazibanda kanya no Nelson Mandela, wabangusekela Mongameli Wase Mzantsi Afrika.
uThabo Mbeki waye ngu Mongameli wesibini onyulelwe enkululekweni, ethatha indawo ka Nelson Mandela. Wonyulwa kabini njengo Mongameli ngo 1999 nango 2004. Wasishiya isihlalo sobu mongameli ngenxa yesicelo sanamalungu se ANC aphezulu ngo 2004. uThabo Mbeki ngusihlalo we African Union (AU) High Level Implementation Panel for Sudan.
Kulo mfanekiso, uThabo Mbeki no Madiba baboniswa bonwabile, be bhiyozela ubu Mongameli buka MbekieOrlando Stadium eSoweto, ngo 1999. Amawaka waka wabalandeli be ANC bawuzimasa lombhiyozo.
“Kusekho intluphekho, ukungabikho kobulungisa kunye noku ngalingani okuthe gqolo kwihlabathi lethu. Akukho namnye kuthi onokuze aphumle ncam.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
moreuMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more