uMandela unikeza Inkomfa Yabe Ndaba Kwihlabathi Phambi Konyulo Lwango 1994

© Dr Peter Magubane
uMandela uthetha nabe ndaba kwihlabathi lonke phambi konyulo luka 1994.
Emveni kokuba uNelson Mandela ephumile entolongweni ngo 1990, waqala ukukhankasela iAfrican National Congress (ANC) wahamba irali zezo politiko apho wayekwazi ukuthetha nawakawaka waba xhasi be ANC, wahamba ihlabathi ethetha ngenzolo ekhankasela iANC noMzantsi Afrika ongcono. Yena namaqabane afana no Cyril Ramaphosa no Walter Sisulu babe khankasela amalungelo alinganayo, inkululeko, no Mzantsi Afrika okhululekileyo okhuselekileyo kumntu wonke. Urhulumente welizwe wathetha thethana ne ANC ukwenza utshintsho olunoxolo ukususela kwi ngcinezelo ukuya kwi nkululeko, le yamelwa ngu Madiba. Kumfanekiso ngu Madiba ethetha nono ndaba kwizwe jikelele phambi okvoto luka 1994.

"Sizinikezela ukukhulula bonke abantu bethu, kwimbandezelo zentlupheko, indlala, ukusokola, ukucalulwa ngokwe sini nezinye iindidi zocalulo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more