uMadiba Uyacinga

© Dr Peter Magubane
Ecinga nzulu.
uMadiba wayethandwa ehloniphiwe eMzantsi Afrika kwinkulungwane yonke. Wayethandwa lihlabathi jikelele enconywa ngabaninzi ngoku kwazi ukuphelisa ubuhlanga kwilizwe elali kufuphi kumlo nokubulalana. uNelson Mandela wayene sidima, enembeko, wakukhupha uMzantsi Afrika kwingcinezelo wawusa kwi nkululeko. Emveni kokuphuma entolongweni ngo1990, uMadiba wenze intetha nodliwano ndlebe apho amazwi wakhe waye wabala kwaye wahlala enomoya ophantsi. Wathi xa unentlonipho yabantu, kungcono ukuhlala phantsi uthethe nabantu ubabonise ukulunga koko ukulwelayo.
uNelson Mandela wayeyi ndoda elungileyo, ecingisisayo, wayeyi nkokheli engoyikiyo, eyazisa uMzantsi Afrika enkululekweni, ithemba ne mpumelelo. Enye yentetha zakhe edumileyo yayisithi: “Xa uthetha nendoda ngolwimi aluvayo, iya entloko lonto, kodwa xa uthetha ngolwimi lwakhe, lonto uyithethayo iya entliziyweni.

“Ukuba uthetha nomntu ngolwimi aluvayo, oko kuya entlokweni yakhe. Ukuba uthetha naye ngolwimi lwakhe, oko kuya entliziyweni yakhe.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more