uNelson Mandela no Walter Sisulu

© Dr Peter Magubane
uWalter Sisulu no Nelson Mandela kwi nkomfa ye ANC eDurban ngo 1990.
uWalter Sisulu ezalwe nge 18 May 1912, wangumhlobo wobomi, amthembileyo uMandela, kwaye engu mzekelo ku Nelson Mandela. Yayi ngu Sisulu, obalulekileyo kwi African National Congress ngeminyaka yo 1940 owazisa uNelson Mandela kumbutho. Bachitha ixesha eluvalelweni esicithini iRobben Island, apho uWalter wayevalelwe iminyaka engama 25. uNelson Mandela wachitha ixesha ukususela ngo 1964 ukuyokuma ngo 1982. uWalter Sisulu waphuma eRobben Island eneminyaka eyi 77 ngo 1989. uSisulu waqhubeka ukuzama ukwenza uMzantsi Afrika ilizwe lenkululeko, de wasweleka ngo 2003.
Oku kubonakalisa ukusondelelana kuka Walter Sisulu no Nelson Mandela, kwi nkomfa ye African National Congress (ANC) eThekwini, ngo 1990. Yayi ngumsitho wokuqala we ANC eMzantsi Afrika ukusela ngo 1959. Umbutho weANC wawusebenza emfihlakalweni iminyaka engashumi amathathu (30).

“Olona loyiko lwethu ayikokoba asonelanga. Olona loyiko lwethu kukuba sina mandla angapha ko mlinganiselo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more