uNelson Mandela kunye Noosisi Bodumo eMzantsi Afrika badla isidlo sase mini – Ngokubaliswa ngu Raymond Louw

© Eric Miller

Ukuqala Kwexesha Elitsha

Kwakunzima ukufunda iingcinga zika Nelson Mandela. Wayengu mqhubi theko ofudumeleyo onobububele kwesi sidlo sase mini kwindawo awayehlala kuyo, Mahlamba ‘Ndlopfu (ukuqala kwexesha elitsha), eyayisaziwa ngokuba yi Libertas, le ke bonke abafazi benkulu mbuso kunye nabo Mongameli babegcwele kuyo.

Wamema ke abafazi nabahlolokazi benkokheli zomzabalazo, phakathi kwabo kwakuho umhlolokazi walowo wayengu Mongameli wombutho iAfrican National Congress uOliver Tambo, wayesaziwa ngokuba ngu Adelaide, kwakukho no Albertina Sisulu, unkosikazi walowo wayesakuba ngusekela Mongameli we ANC uWalter Sisulu. Lamaqembu mabini, abamhlophe, amakhosikazi abamnyama nabamhlophe nabahlolokazi nabaqhanqalazi benkululeko, ababengazange badibane ngaphambili.

Babehleli kumaqembu ngamaqembu ngoxa uMongameli uMandela engena ebulisa ngomdla omkhulu, “Naba osisi bodumo”. Emva koko bongana no Elise Botha, unkosikazi walowo wayesakuba ngu Mongameli u Pieter W Botha, no Magda Diederichs, umhlolokazi wowayesakuba ngu Mongameli uNico Diederichs. Ngelingeni omabini lamaqembu ayese ethetha kuncokolwa, ngexa wayesitya nabo kwakungekho nto ithi waye dlala indima ethile.

Intetha zika Vorster ezingathandekiyo emveni kokuba uMandela onwabise ngokuphandle owayesakuba ngumongameli wase Malawi uHastings Banda nalowo wayemhoyile ngokuse sikweni u‘Cecilia Kadzamira, ukuya kumsitho ka rhulumnte eRhawutini. Ezithethelela ke uVoster wayecacisa kubalandeli bezwe okokuba wayehleli ecaleni komfazi omnyama kulo kwelitheko “njengokuziqhenya kwakhe ngo Mzantsi Afrika”.

Xolela, kodwa Ungalibali!

Isizathu sokuba uMandela anikeze ixesha lokonwabisa aba bafazi- kwaye yayingumbono wakhe - yayingu mceli mgeni kwilizwe. Wathi “ibiyindlela elula yokulibala ngezadulayo” kwaye ke, enye yenzame zakhe zokuzisa uxolelwano kuwo wonke ubani eMzantsi Afrika, intetha yakhe, ngenxa yokuxhasa iTruth and Reconcialtion yona ke yayisekelwe okokuba iqwalasele kwintsuku zocalucalulo nexesha emveni kocalucalulo, wayebonakala emacala.

Kodwa ke kwakucacile okokuba wayejonge kwisimo, noku gweba abantu ababesele bekuqhelile kunye noloyiko olwenziwa ngurhulumente wocalu calulo. Wayefuna ama Afrikaner kwi conservative nawi Nationalist Parties nakwimibutho yobujoni enjenge Afrikaner Weerstandsbeweging (The Ultra Right Wing Afrikaner Resistance Movement kunye nemibala ye Neo-Nazi) Okokuba bayazi akukhonto banoku yoyika kule nkululeko intsha nokokuba uMzantsi Afrika ungaloyisa ucalucalulo ngobuhlanga ujongane nengomso nje ngelizwe elinye.

Kodwa wayenga vumelekanga ukubhidanisa uxolelwano kunye nomsebenzi we Truth and ReconciliationCommission. Umama uNtsiki Biko, umhlolokazi we tshantliziyo uSteve Biko owathi wangcungcuthekiswa wabulawa ngama Polisa ngexesha lokutshutshisa, wayengamvumeli. Wathi “Singaxolela, ewe kodwa asinako ukulibala!”.

uXolelwano Kubo Bonke abase Mzantsi Afrika

Amaqembu aphumelela. Abafazi ke kwesi sidlo bathatheka nguye, kunye no Mama uVerwoerd. UMongameli uMandela wayesebenza nzima, esebenzela uxolelwaniso. Wasebenza kakhulu ke ekuziseni inguqu exoxiweyo, kunye nesivumelwano nombutho wama Bhulu iNational Party.

Waza ukuthomalalisa umsindo kubantu abamnyama ababe kholelwa okokuba akukho nkqubela phambili kwinkqubo yokwakha nokuphuhlisa namanye amacebo okuphakamisa uluntu. Wathomalalisa uloyiko lwabamhlophe ingakumbi kwabo babesaziwa ngokuba zi right wingers, abaninzi bazivalela kumakhaya abo nemipu belungele nantoni na ngexesha lokonyula inkokheli yezopolitiko.

Babe nkwantya becinga abamnyama bangavukelana nabo ngenxa yeminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) entshutshiso nengcinezelo ebuhlungu ebabeyivise abantu abamnyama. Ngalo mini uxolo lwabakhona, - Jikelele de abaninzi balubona olunyulo njengoloyiso loxolo.

uMongameli uMandela wabonakala eluphumelela olodabi, ngaphandle nje kokuqhambuka koqhushululu ngokobuhlanga pha, napha olwathi lwavela ukususela ngoko. Wayengu mntu okhethekileyo, onobulali, kwaye ekwazi ukunyamezela. Abo babengadibani nabantu abamnyama, inene, babe bacaphukela, ngoku bamjonga ngentlonipho, nothando.

Translated by Zikhona Plaatjie

iLifa lika Albertina Sisulu

uAlbertina Sisulu, othandwa kakhulu de abizwe ngokuba ngu Mama we Sizwe okanye uMa Sisulu, udume ngokuba litsha ntliziyo lase Mzantsi Afrika...more