uMzantsi Afrika Ngo 1980's ngu Rev. Desmond Tutu

Ukwanda ko Qhankqalazo

©Eric Miller
Archbishop Desmond Tutu reconsecrates the St Georges Cathedral after riot police went in th enight before. 5 Sept 1989.

Ngomnyaka ka 1980 kwiphulo lam, ezinye iinkokheli ze South African Council of Churches kunye namalungu ambalwa eecawe zaya kubona u Mnu. P W Botha nowayeyi Prime Minister ngeloxesha kunye nogxa bakhe ababekwizikhundla eziphezulu ze khabinethi. Sasizama ukubenza baqonde ukuba uqhankqalazo luzakwanda eMzantsi Afrika, ngaphandle kokuba oyena nobangela walo uyasuswa.

Lonobangela ke yayingumthetho wocalu-calulo. Savuma ukuba siyayiqonda ukuba imithetho nemigaqo yayiyinto enokutshintshwa kwaye sasingathi mabenze nto izakususa inkxaso yabo kuluntu lwabo.

Ngoko ke sabeka ngaphambili izinto ezine, nesasicinga ukuba zingenziwa zinganotshintsh olukhulu kulawulo lwelizwe. Kwaye zinganegalelo eli lilo ekwabeni amandla olawulo kwezopolitiko. Khumbula oku kwakungomnyaka ka 1980.

Sathi: Bhengeza ukuzinikela ekulinganisweni komntu wonke ummi woMzantsi Afrika, kwilizwe elimanyeneyo; Phelisa Imithetho yama Pasi (noba angapheliswa kwizigaba ezithile ukuthintela ukungalawuleki), Kupheliswe nokuvalelwa kwabantu ngaphandle kokuvela enkundleni yamatyala kuqala; Phelisa konke ukufuduswa kwabantu ngoko nangoko; kwaye Useke indlela efanayo yemfundo nelinganayo kubafundi bonke.

Ummi woMzantsi Afrika Komnye

Ezi yayingezo zinyanzeliso ziphume ecaleni/ zingenakufezekiseka, kwaye ukuba urhulumente wayezenzile ngesaye sasinda sonke kwiintlungu nempalalo gazi eninzi, ilahleko yemihlaba kwakunye nokukhula kwenzondo, isixhiba kunye nemisindo. Sagxekwa luluntu oluntsundu ngokuya kuRhulumente. Ezi yayizimeko ezifanayo nezo ndizikhankanye kwincwadi mbalelwano endayibhalela uMnu Vorster ngomnyaka ka 1976. Kodwa uyayazi kwaye kwenzeka ntoni? Zonke azizange zihoywe.

Noxa kunjalo, ndazama kwakhona emva konyaka, ukubona uMongameli weSizwe. Ukuze ndithethe naye njengo mmi wase Mzantsi Afrika komnye. Njengo tamkhulu komnye, njengomKrestu komnye ngethemba lokuba uzakwenza ngendlela efanelekileyo.

Indoda emhlophe yase Mzantsi Afrika, neyiyo yodwa abantu abantsundu ababenoku lungela ukwakha umfanekiso oqingqiweyo wakhe. Abonwe njenge ndoda ebhalwe embalini njengeyancedisa ekubhangisweni komthetho wocalulo, neyathi yanceda ekuveleni koMzantsi Afrika omtsha, olinganayo, ongacaluli ngobuhlanga, nelizwe elikhululekileyo apho abantu bakwaziyo ukuzikhethela urhulumente amafunayo.

Ucalu-calulo Lunga Tshatyalaliswa

©Eric Miller
Desmond Tutu at Grande Parade, Cape Town.

Wayikhabela kude intetho yam kuye. Kwelinye icala, ndingamncoma ndithi wabonisa isibindi ngokuxelela abamhlophe ukuba akukho ndlela yokuba bodwa banga gqiba ngekamva leli lizwe unaphakade. Ngelishwa ke akazange adlulele koko. Ngoko ke waphetha engavuyisi bantu bamnyama okanye abamhlophe.

Ukuguqula intetho yeSingesi, sabona umbono olusizi wendoda eyohluleka kukwenza into ayicingayo. Ndandikulungele ukuya kwilokishi yase Alexandra (ngo Februwari 1986) ukuya kunceda ukuthomalalisa imo eyayimbi phaya. Ndaya nase Kapa ukuya kuthetha norhulumente mayelana nesimo selizwe.

Ngomnyaka ka 1984, urhulumente wade waziva izicelo zethu zokuxoxa nokubonisana ngendlela yokwabelana namandla olawulo. Urhulumente wavelisa umgaqo siseko owawukwinqanaba eliphezulu lokuvalela ngaphandle abantu abamnyama, wawusodula nalomithetho yayiwisiwe ukusukela ngomnyaka ka 1910.

Iipesenti ezingama shumi asixhenkxe anesithathu abantu babekhutshelwe ngaphandle ekuthatheni inkxaxheba kwizinto eziphucukileyo ezenzeka kwilizwe labo. Ucalulo lungapheliswa. Kufuneka lutshatyalaliswe ngaphambi kokuba lutshabalalise ilizwe lethu.

Lo mgaqo siseko wawenzelwe ukunceda abantu abambalwa abahlophe nemithetho yabo, kunye noncedo lwabantu bebala kunye namaNdiya. Ezinye ezi ke iintlanga zazincedisa ekuzicinezeleni nasekucinezeleni abantu abamnyama zibe zingaqondanga.

By Desmond Tutu

uDesmond Tutu

Ungomnye wawona maqhawe athandwayo eMzantsi Afrika, uDesmond Tutu waziwa kakhulu ngokulwela amalungelo abantu....more

uDesmond Tutu: Amagqabantshintshi ngo Bomi Bakhe

Ngomhla we 7 October 1931, uDesmond Mpilo Tutu wazalwa ngu Zachariah (itishala) kunye no Aletta (umsebenzi wase khitshini) eKlerksdorp kwiph...more