uMzantsi Afrika ngo1984 Kubhalwe ngu Mfu. Desmond Tutu

Ukugquma kwee Casspirs

©Eric Miller
Desmond Tutu and Nelson Mandela 19 Feb 1990.

Ngomnyaka ka 1984 urhulumente wavelisa uMgaqo Siseko. Lomgaqo wawuluvutho ndaba lwemithetho esekelewa ukuvalela ngaphandle abantu abantsundu. Abantu bawu khaba ngawo omane lomgawo, ze ngenyanga ka Agasti 1984 yaba kukuqala kokuphehluzela kwelizwe kwakhona.

Isibalo esingaphaya kwama 1 200 sabantu abantsundu baphulukana nobomi babo ukusukela ku Agasti 1984 kunye no 1986. Abantu abantsundu babe bulawa kakhulu ngonogada, ngokungathi babulala iimpukane. Abantwana babegcinwa eluvalelweni. Kwakutyolwa ngokuba abangamashumi amahlanu badutyulwa ngaphandle enkundleni yamatyala.

Andizange ndive nelimdaka kubantu abamhlophe, nababebanga ukuba bakukhathalele ukucinezeleka kwabantu abantsundu. Leyo yayiyeyona ntsokolo yabantu abantsundu, hayi into esezakwenzeka. Bathi isimo esingxamisekileyo selizwe (state of emergency) sele sigqithile. Nge Cawe yange Pasika, ndabona iCasspir igquma isehla iSoweto Highway.

Ngo Mvulo walo Pasika, yayikwingingqi yethu ye Soweto, neyeyona ngingqi ithuleyo. IiCasspirs ezine kunye nemoto zamajoni zagqitha ngasemzini wam. Unkosikazi wam wathi ‘Umda ulapha’- Lomkhosi wawusekwii lokishi emva kwenkomfa ye Durban Education Conference neyaba nesibindi ngokuthatha isigqibo sokuba abantwana baqhubeke nokuya esikolweni.

Sasijamelene namagosa aphezulu awayenesibindi sokuzisa umkhosi wamajoni ekubeni esazi mhlophe ukuba ubukho balemikhosi ezilokishini kungaqala nje olunye udushe

Singahlalisana Sonke

©Eric Miller
Desmond Tutu at 85, 2016.

Akukho nto yayiphuma emlomyeni ka Mnu. Botha, eyayindenza ndimkholelwe ukuba yena no Rhulumente wakhe babezimisele ngokubhangisa ucalu-calulo. Wathi sisi sizwe esinye, kanye xa siqala ukubhiyoza wajika wathi sisi sizwe sabantu abaphantsi. Amaqaba anobungozi nemfitshifitshi ye bantustans.

Ukuba sisi sizwe esinye, ngoku kutheni lento indawo yaKwaNdebele isenziwa izimele yodwa ecaleni? Kutheni kufuneka abantu base Moutse die bonelise imibono yocalucalulo ngobuhlanga? Imithetho yamapasi izakufikelela esiphelweni kwaye sizakuthi ‘Huntshu’! kwaye kuzakubakho impucuko eme ngendlela.

Kuba abantu abantsundu benzelwe amayelenqe okubathintela ekubeni baphucule iindawo abahlala kuzo,impucuko emi ngendlela izakuba yeyabo bodwa. Ngoko ke inani labantu abangenayo bazokuhlala kwezi ndawo kuza kufuneka ukuba balawulwe. Kwaye kukho nokushiya kwezikhundla okuchukumisayo kuka Dr van Zyl Slabbert kunye no Dr Boraine.

Oonondaba abazange bayipapashe njengelahleko lento. La manene mabini ayevumelana neembono zethu zokuba iPalamente yase Mzantsi Afrika ingunobumba nje ongamelanga bantu. iPFP yayisoloko ibonisa ihlabathi imposiso yokuba sine palamente eyamkela intando yesininzi nokuzikhethela, kodwa eneneni sasi lilizwe elinombutho omnye.

Mbutho lowo ocinezelayo ngolunya, onobundlobongela kwaye ucudisa kwanto ingathi iphikisana nawo. Sasivalelwa, sisohlwaywa ngezigwebo ezikhulu! Abantwana bethu babe bhubha. Umhlaba wethu wawusitsha usopha. Kwakusekho abantu abaninzi abanentliziyo kwilizwe lethu phakathi kwentlanga ezahlukeneyo.

Masingangxami ngokulitshabalalisa eli lizwe. Singaphilisana kunye, njengabantu abanye, usapho olunye, omnyama nomhlophe ndawoni nye.

By Desmond Tutu

uDesmond Tutu

Ungomnye wawona maqhawe athandwayo eMzantsi Afrika, uDesmond Tutu waziwa kakhulu ngokulwela amalungelo abantu....more

uDesmond Tutu: Amagqabantshintshi ngo Bomi Bakhe

Ngomhla we 7 October 1931, uDesmond Mpilo Tutu wazalwa ngu Zachariah (itishala) kunye no Aletta (umsebenzi wase khitshini) eKlerksdorp kwiph...more