Umsebenzi Wolwaluko lwama Khwenkwe ama Pedi

Imisebenzi Ebalulekileyo Yesintu

©Dr Peter Magubane

Ixesha lolwaluko, lalifudula libakaphakathi ebusika, kwaye nakule mihla kusenjalo, lalixhomekeka ke kubukho buka nyana ohloniphiweyo okanye umzukulwana wenkosi kwabo bolukayo. Waweyinkosi yendlu apho kwelukelwa khona kunye nenkokheli ixesha elide ngeloxesha okanye kuloominyaka (mphato); ngalendlela amadoda ayedityaniswa nobukhosi.

Kwintsuku ezimbalwa phambi kwe bodika ophetheyo (rabadia) kunye nesekela lalowo uphetheyo (moditiana) babekhethwa yindlu yakwankosi enikeza ingcebiso ukuze ilawule kwaye inikeze imiyalelo ngomsitho. Babesenza yonke imisebenzi yabo njengabo bamele inkosi. Indoda yamayeza (thipana) yayikhethwa ukuze yaluse bonke abakhwetha. Kwakufuneka angabinguye okwelo qela, ukunciphisa amathuba okuthakatha. Ngobusuku bomsitho okuvulwa ngabo, osaluka (badikana) (aboluka kuqala) babefola kumgca owodwa, inkokheli ime ngaphambili.

Emveni kwenkokheli, ngoko konyukela ngokubaluleka, yayingabanye abasuka kwindlu yenkosi kgoro, balandelwe ngabafana abasuka kwi kgoro elandelayo, ukwehla ukuya kwinkwenkwe esuka kweyona kgoro ihluphekayo.

Amakhwenkwe ayegoba, ze anikwezwe, ngokwehla isibhaxu zokubethwa emqolo benganxibanga yi rabadia. Ukubethwa ngokomgca kwakudibanisa unaphakade isiko lokuba elinqanaba lalinikezwa ekuzalweni kuphela, hayi ngamandla wabo. Konke oku kwaku bekela phantsi umsebenzi wolwaluko phakathi kwama Pedi, zombini ukufundisa, kunye nokubeka osaluka kubume beqela.

Ulwaluko I-Bodika

©Dr Peter Magubane

Phambi kokutshona kwelanga kwimini elandelayo,ixilongo lomlo (phalafala), lalikhaliswa kwaye, ngendlela ye rabadia, aba dikwana babesiya emlanjeni, apho babesoluswa ngokobume babo emgceni. Emveni kolwaluko amakhwenkwe ayehlala kumanzi abandayo emlanjeni, oku kwakunceda ukuphelisa iintlungu.

Emveni kokuphumla imini yonke, amakhwenkwe ayesiwa emabhomeni (mphato), kwakhona ngomgca. Ibhoma lalenziwa ngepali nengca namaplanga adityanisiweyo ngendlela ethile, ze yogqunywe ngengca namahlahla. Yayibane minyango emibini, omnye ujonge empuma, ukuze amadoda ajongene nabakhwetha akwazi ukuphuma engena, omnye ujonge ngase ntshona wawusetyenziswa ngama khwenkwe.

Amadoda namakhwenkwe ayelala kwindawo ezohlukileyo. Ibhoma kgoro ngalinye lalinembawula yalo, apho ke abakhwetha balomzi babelala belingqongile. Imililo eyakhiweyo yayibaluleke kwakhulu kwaye inentsingiselo, kuba yayiqhwitshwa ngamalahle okanye isivuthisi esithathwe emlilweni wakwankosi, kwaye ngexesha lolwaluko ibodika, babengavunyelwanga ukufa. Imihla ngemihla ngexesha le bodika yayinomehluko kancinci.

Ixesha elininzi emini babezingela besenza nemisebenzi yezandla yamadoda, efana nofele lwenyamakazi okanye eyenziwe ngepali. Iintseni kunye nase mveni kwemini zazisetyenziselwa ukunikeza imiyalelo kunye nokucula iingoma olwaluko. Ibadikana babefundiswa ubuqhawe bobudoda nokunyamezela, intobeko kotata babo, nokugxininisa ukubonisa imbeko kwinkosi ngokwahlukileyo.

Indlela yesintu (equka imbali, imisebenzi yesintu, kunye nemithetho) babefundisa kusetyeniswa indlela yokuthetha yakudala eyayifundwa ngoku nqaywa. Ngalo lonke eloxesha, amakhwenkwe vavanywa ukunyamezela, ngokuthi abethwe mihla le. Ulandela umthetho Kwaku nyanzeliswa, kwaye nokufa ngexesha lolwaluko kwakusenzeka. Amalungu ebodika ayeneminyaka ethile, eyayithi phambi kokuba kuphele ibodika, anikezwe igama.

Eliqela ke lalibano msebenzi wobujoni kwaye liphantsi kwe nkumanda uKgosana ya mphato. Amalungu ayejonga iminyaka yabo ngokuthi bajongise kwigama lobujoni, bazikhethe ngokweminyaka kumalungu wabanye abolukileyo. Xa kugqityiwe ukunikezwa amagama, iqela lalinikezwa umhla we bodika uphela ngayo, kwakusenziwa ukutya okuninzi ukubhiyozela ukubuyela ekhaya kuka saluka.

Ngentseni yokugqibela, abakhwetha bavasa ikota emhlophe ebabeyiqatyiwe ngalo lonke eloxesha. Tata ngamnye ucheba iinwele zika nyana wakhe amnikeze ingubo entsha ngokuvuyisana naye ngokuba yindoda. Imizimba yamakhwenkwe iqatywa imbola ebomvu namafutha. Ngelixesha baziwa ngokuba zi dialoga (abasindileyo). Babefola umgca baphinde bathwaxwe okokugqibela. Emveni koku, babehamba bangajongi ngemva logama irabadia itshisa amabhoma (mphato).

Ulwaluko iBogwera

©Dr Peter Magubane

Iminyaka emibini emveni kolwaluko ibogwera lwalusenziwa. Ngendlela eyenziwa ngayo kwapantse yafana ne bodika, umahluko ibodira yayinge namithetho mininzi kwaye ethabatha ithuba elingange nyanga. Ngelixesha, abakhwetha babefakwa kwamanye amadoda, oku kwakubavumela bakwazi ukufezekisa imisebenzi yamadoda. Ibogwera yayi bethelela ukudibana njengabantakwe okwenziwe ngobulungu bemikhosi. Ubudlelwane obude bomanyano nentsebenziswano babusenzeka ngexesha le bogwera.

Ukuqala kwemfuduko yabasebenzi, obubudlelwane babasisiseko samaqela ‘abafana bendawo enye’ – banna ba gagesu – abathe bancedisa ukufumana indawo yokuhlala kunye nomsebenzi edolophini, babegodusa imizimba yabaswelekileyo, kwaye behlala bechazela ngemeko ezibalulekileyo ezazi senzeka emakhaya logama besenza ezidolophini.

Amanqanaba okokhula komfana ngendlela phakathi koluntu, ngendlela yesintu kwakucaciswa kwaye kube kufezekisiwe ngokuthi kwenziwe amasiko athile. Lamanqanaba angacaciswa gqa-gqaba ngalendlela ilandelayo: umntwana (lesea); inkwenkwe (mosemane); ulutsha (leSoboro); ulutsha olwalukileyo (modikana); ilungu lexesha lotshintsho (sealoga); umkhwetha owenza ibogwera (legwere); okokugqibela indoda endala (monna).

Translated by Zikhona Plaatjie