Umhlaba Osempilweni Ngolimo Olulondoloza Indalo

© Marinda Louw
Ukukhula kolwazi mayelana nokubaluleka komhlaba osempilweni kukhokelel ekukhuleni kwenani lamafama alima ngendlela enenkathalo yokulondoloza umhlaba. Lo mbono wakhelwe phezu kwentsika ezintathu, ukuvunguza umhlaba kancinci, izityalo zokugquma kunye nokutshintshwa-tshintshwa kwezityalo.

Ukuvunguzwa Komhlaba Okuncinane

Ulondolozo okanye ukuvunguzwa komhlaba kancinane kwaziswa eMelika ngobunintsi kwiminyaka yoo 1970, kwaye ukusukela apho kwanwenwela nakwamanye amazwe, kuquka noMzantsi Afrika. Indlela yakudala yokuvunguza umhlaba, umhlaba usenoku hlakulwa, uvunguzwe nto leyo iphazamisa ukumila komhlaba, kwaye ethubeni umhlaba ungahamba wonakale kwaye ukhukuliseke. Ikwanegalelo elibi kwindlela umhlaba ukwazi ngayo ukubamba amanzi kwaye oku kwayanyaniswa nokonakaliswa kwezinongo ezithile ezibalulekileyo zomhlaba.
Xa umhlaba uvunguzwa kancinane, uphazanyiswa kancinane kangangoko umhlaba. Ngethuba kutyalwa, indlela imitshini ekhethekileyo (specialised tine or disk planters) izakukrwela nje apha ngaphezulu ivule lemiqolo idingekayo. Kwaye ayombi ngaphezu kokuba kuyimfuneko. Ukutyala kunye nokuchumisa kungenziwa ngexesha elinye.
Ukuthintela ukhukuliseko lomhlaba, amafama azimiseleyo ngolondolozo ade asebenze ubuchwephehe be GPS ukuqinisekisa ukuba zonke izixhobo ezisetyenziswayo kwimveliso minyaka le zihamba kwimizila eminye yomhlaba. Ukungawuvunguzi kwaphela umhlaba yeyona ndlela yokulondoloza ingamandla, nalapho kuvulwa umngxunya omxinwa emhlabeni apho kuzakufakwa imbewu kunye nesichumiso.

Izityalo Zokugquma

©Francois Viljoen
Mandulo, amafama ayesenokutshisa intsimi emva kokuvuna ukuze kutshe ukhula. Amafama azimisele ngokulondoloza indalo awayitshisi imihlaba yawo, kodwa ashiya iintsalalela zezityalo emhlabeni, oku ke kubizwa nge stubble retention. iStubble retention le ke inemivuso eyahlukeneyo. Isenoku:

Thintela umoya kunye nokhukuliseko lamanzi.
Inyuse ukufunxeka kwamanzi nokugcineka kwamanzi emhlabeni
Inciphise ulophu/Ukujika kwamanzi asemhlabeni abe lulophu.
Yandise izinongo nezichumiso ezisemhlabeni.
Ikhusele iioganizm zomhlaba kwimozulu ezimbi.
Isebenze njengendawo yokuhlala kwanokutya kwe oganizm eziluncedo emhlabeni nakwizityalo.

Ukutshintshwa Kwezityalo

Endaweni yokulima isityalo esinye, kwindawo enye unyaka emva komnye, amafama azimisele ngokulondoloza indalo ayazitshintsha tshintsha izityalo azityala kwiziza ezinye zomhlaba.
La mafama aye ajonge iindidi ezahlukeneyo zezityalo ezilungalungela ukutyalwa kulemihlaba, aze amane ezitshintsha-tshintsha ezi zityalo (umz. Kutyalwa isityalo esithile, ze sakuvunwa kutyalwe esinye esahlukileyo kwa kule ndawo inye).
eNtshona Koloni umzekelo, izityalo ezifana ne ngqolowa, canola, barley, lupines, medics kunye ne lucerne yimizekelo yezityalo ezinokumane zitshintshana kumhlaba omnye. Undoqo kukungatyali isityalo esikhula kanye ngonyaka esikusapho olunye kumhlaba omnye, kangange minyaka engaphaya kwesibini.
Indlela otshintshana ngayo izityalo zakho, akunyanzelekanga ukuba ibe sisigxina, koko kufanele ibonwe njenge luncedo ekulawuleni intsimi nemveliso yakho. Amafama angatshintsha xa kukho isidingo, umzekelo xa kuvela ingxaki yokhula okanye yesifo.
Injongo yokutshintshwa kwesityalo kukuphelisa ukujikeleza kwezifo ezayamene nokutyala isityalo esinye. Iioganizm kunye nezifo ezithile zayanyaniswa nezityalo ezithile kuphela. Ngoko ke, ukuba utyala ezi zityalo kuphela lonto iza kukhokelela ekwandeni kwezi oganizm. Xa utyala enye into eyahlukileyo, ezi oganizm zizakudinga ukutya, nto leyo izakwenza ukuba zitshabalale.
Ukutshintshwa kwezityalo kukwanika umfama ithuba lokuba asebenzise iindidi ezininzi zezibulali khula, ukuze kuncitshiswe iingxaki zokhula, nto leyo inceda ekukhuseleni ukwanda kwezonakalisi. Umzekelo, izibulali khula zengca azinakho ukusetyenziswa xa kutyalwe ingqolowa njengoko oku kuza kutshabalalisa ingqolowa. Kodwa ke, amafama angazisebenzisa ezi zitshizi xa kulinywe izityalo ezinamagqabi amakhulu. Ngokufanayo ke nakwizibulali zonakalisi zezityalo ezinamagqabi amakhulu. Azinakusetyenziswa kwizityalo ezinamagqabi amakhulu kodwa zingasetyenziswa kwimveliso yengqolowa.
Xa usebenzisa izibulali zonakalisi/ khula, landela imiyalelo ngalo lonke ixesha, kwaye uqiniseke ngokutshintshana izityalo ozityala kumhlaba omnye.

Translated by Zizipho Silwana