Ulondolozo Kwi Fama Ezigcina Iintlanzi

© Marinda Louw

Kwifama ezithile zeentlanzi (aquaculture), iintlanzi zigcinwa kwaye zikhuliselwa kwikheyiji eziyiminatha ejinga phezu kwe dama. Kwezinye iifama kusetyenziswa amatanki okanye amadama ukugcina iintlanzi zentengiso.
Ukuhlolwa rhoqo nokulungiswa kwezixhobo kunciphisa iindleko, ze kuphucule nemveliso.

Ukuhlola Iikheyiji Zeminatha

Iminatha ecocekileyo yenza amanzi ahambe lula phakathi kwemingxunya yawo kwaye nomoya ungene kakuhle. Thintela ukukhula kobulembu ngokuthi uphakamise icala elinye ukuze lome. Ubulembu obomileyo bungavuthululeka. Hlola iminatha rhoqo ngeveki uqwalasele kwamingxunya okanye ukukrazuka okunokuthi kukhokelele ekubeni iintlanzi ziphuncuke.
Oku kungenziwa rhoqo nge veki okanye kubekanye ngenyanga ngethuba lokuhlola iisampuli nangeemini zokuvuna. Ukuhlolisiswa kwee kheyiji kufanele kwenziwa nasemba kokufudusa iminatha ngesiquphe. Oku ke kusenokuba kubangelwe ngamaqondo aphantsi e-oxijin kunye neemozulu ezimaxongo.

Ukukhusela Iminatha

Iikheyiji kufuneka zikhuselwe kwizinto ezifana ne cormorants kunye nee otters. Fakela izikhuseli ze. Fakela umnatha ngaphandle kweekheyiji. Iikheyiji zona kufanele zijinge phezukobunzulu obuyi 1m ngaphantsi kweminatha.

Ukususwa Kwee Ntlanzi Ezifileyo

Iintlanzi ziyafa ngenxa yemeko ezimaxongo zamanzi, izifo kunye namarhamncwa eentlanzi. Susa iintlanzi ezifileyo ngokukhawuleza. Iintlanzi ezifileyo ziyahlala nasemazantsi omnatha kangange iintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba zivele ngaphezulu. Iintlanzi ezifileyo ezisemazantsi kufuneka zikhutshwe ngethuba kusenziwa umjikelo wohlolo.
Iziza zemvelio kufuneka zihlolwe yonke imihla ukuba akukho ntlanzi zifileyo na, nekufuneka zilahlelwe ngendlela ecingelana nendalo engqongileyo. Oku kuthintela ukwanda kwezifo. Ezi ntlanzi zifileyo zisenokungcwatywa emngxunyeni onzulu; ugalele ikomityi ye lime kwintlanzi nganye ephakathana oyigrumbeleyo. Ilime yenza intlanzi ikhawuleze ukubola, ze igubeke emhlabeni.
Ezinye iindlela zoku lahla iintlanzi ezifileyo ziquka ukuzitshisa okanye zigalelwe i-asidi. Lonke inani leentlanzi ezifayo (intlanzi enye efileyo okanye ezife ngobuninzi) kufuneka lishicilelwe. Kukwabalulekile nokuphawula unobangela wokufa kwazo.

Ukugadwa Kwamanqwanqwa

Ukuzinza kwe kheyiji kufuneka kugadwe kwakunye nokukhuseleka nokomelela kwayo. Ngaphezulu umgama phakathi kwee kheyiji kunye nedama kufanele uhlolwe rhoqo.
Gcina amanqwanqwa ekheyiji ecocekile. Amanqwanqwa kufuneka atsheyelwe yonke imihla ukuze kususwe ukutya okudala, iitela zentaka kunye nelindle leentlanzi. Lisenokuba mtyibilizi phantsi kwemeko ezimanzi, ngoko ke kufuneka kuqinisekiswe ngemigaqo yokhuseleko kubo bonke abasebenzi ngalo lonke ixesha.
Gada kwampawu zokubola kwe kheyiji kunye namanqwanqwa ekheyiji. Fakela amatayara amadala phakathi kwe kheyiji kunye namanzi ukuze uthintele ukubola.

Ukucocwa Kwama Dama Kunye neMinatha

Kwindawo ezivulekileyo nalapho iintlanzi zingagcinwa kwiminatha, uhlolo lungaqulatha ukujongwa kweempompo, ukucoceka kweemibhobho kunye neefilter. Kukwabalulekile nokukhupa iintlanzi ezifileywe kuhlolwe nesigaba samanzi.
Ingca ejikeleze amadama kufuneka ichetywe, kwaye namadama acocwe rhoqo. Amadama kufuneka akhutshwe onke amanzi aze omiswe ngelanga, nokuba kukanye ngonyaka. Kuyaxhomekeka kwixesha lonyaka nokuba amatanki angaphakathi na okanye angaphandle, amadama kufuneka acocwe rhoqo ngeveki okanye emva kweeveki ezimbini. Ehlotyeni, ngethuba apho ubulembu bukhula kakhulu, ukucocwa rhoqo ngeveki kuyakhuthazwa. Coca iimpompo ngaphakathi nangaphandle yonke imihla. Ukuhlolwa kwamanzi rhoqo kubalulekile ukuthintela uxinzelelo kwiintlanzi njengoko oku kunokubangela izifo kwiintlanzi.

Translated by Zizipho Silwana