Ulawulo Wesivuno se Oregano
Umyinge we - toni ngokwe hektare ngonyaka
Okuncinane: iitoni ezilishumi (10) ezisandula kukhiwa, itoni enye (1) eyomileyo, ishumi (10) ukuya kumashumi amabini (20) we litha ze oli
Okuphakathi: iitoni ezingamashumi amabini (20) ezisandula kukhiwa, iitoni ezimbini (2) ezomileyo, iilitha ezingamashumi amabini nantlanu ukuya kumashumi amathathu (25-30) amafutha.
Okulungileyo: iitoni ezingamashumi amathathu nangaphezulu (30+) ezisandula kukhiwa, iitoni ezintathu nangaphezulu (3+) ezomileyo, iilitha ezingamashumi amahlanu (50+) ze oli nangaphezulu.
Ukuvuna
Ukuvuna i-oregano kwenziwa ngesandla nango matshini kuxhomekeka kubungakanani besilimo. Kwiimveliso ezincinci kunye nakwizindlu eziluhlaza (greenhouses), kuvunwa ngesandla.
Imveliso esandula ukukhiwa: qalisa ukuvuna kwakusasa ngentseni, xa ilanga lingekatshisi. Ukuvuna isivuno esitsha kungaqala kwangethuba kwiveki ezisibhozo (8) emveni kokutyala izithole.
Imveliso eyomileyo: kwimveliso ye oregano eyomileyo, ingakhawuleza isikwe ngokukhawuleza xasele amagqabi emaninzi anokuthi avunwe.ukukhula kwalomfuno kuye kuchetywe phambi kokuba ubefukufuku udubule naxa ii-oli zikumazinga aphezulu. Oko kusikiweyo kuyomiswa kubushushu obungama 30℃ kusetyenziswa okomisayo okanye ngoko neka imithi ye oregano emahlathini ithuba lentsuku ezingamashumi amabini ananye (21) kwindawo engena umoya kude nelanga. Ungasebenzisi okomisayo okungapha kwama 30℃ obushushu kuba oku kuzakwenza ii-oli ziphume kumagqabi esityalo sakho, ze uphulukane nevumba laso elimnandi kunye nobumnandi baso.
Imveliso yee-oli esityenziswayo: ezona oli zibalaseleyo kwaye zisetyenziswayo ziphuma ekuvuneni ze kucocwe amagqabi we oregano nje phambi kokuba ibeyintyatyambo epheleleyo, xa i-oli kwisityalo sele ilungile yomelele. Isivuno sesibini kwixesha lokuqala lokuvuna ngesiqhelo sivelisa izityalo ezininzi kananjalo ne-oli.
Ukuyigcina
Imveliso esandula ukukhiwa: Emveni kokuvuna, gcina i-oregano osandula kuyikha kubushushu oungu 1- 2℃. I -oregano ingagcinwa iiveki ezimbini. Ubushushu obuqhelekileyo bokuyigcina kufuneka igcinwe ngapha kwama 95% ukuze ingomi. Isifuno esi sandula kukhiwa siyakhawuleza ukuphulukana nencasa kungcono ke ukuyithengisa nokuyisebenzisa i-oregano enqunyuliweyo mayisetyenziswe ngoku khawuleza.
Imveliso eyomileyo: Amagqabi omileyo ayapakishwa kwizikhafutina ezingangeni umoya ngokukhawuleza ukuze zigcine umbala nencasa. Gcina ku 10℃. I-oregano eyomileyo ingagcinwa kwisikhenkcezisi iqine kwi plastiki evaliweyo.
I-Oli esetyenziswayo: gcina i-oli ebalulekileyo endaweni eyomileyo, emnyama kwaye epholileyo ithuba elingango nyaka ukuya kwinyanga ezilishumi nesibhozo (18) emveni kokufaka ebhotileni. Emveni koku, ii-oli ziqala ukuphulukana nokusebenza kwazo kunye nevumba elimnandi.
Iinkumbi
Mealy bugs, snout beetles, spider mites, thrips, leaf rollers, kunye ne miners.
Izifo
Alternaria, powdery mildew, roots rots kunye ne rust ziingxaki eziqhelekileyo.
Amagqabi esivuno sezityalo afana ne oregano, ngesiqhelo awafane ahlaselwe ziinkumbi nezifo, kodwa ke kungcono ukulandela uhlobo lokukhusela izityalo olubhalwe ngulowo usebenza ngezityalo ukufuphi okanye lowo usebenza ngolawulo lomhlaba nezityalo (Agronomist). Lowo ukufuphi uthengisayo ubanazo iindlela okanye anganikeza ngolwazi malunga nabacebisi abafumanekayo kwindawo ekufuphi nemveliso.
Translated by Zikhona Plaatjie