Ukuvavanywa ko Mgangatho Wamanzi kusenzelwa Imfuyo Yentlanzi Emanzini Acocekileyo

© Marinda Louw
Umngangatho wamanzi wedama kunye nemveliso yamanzi wokuvelisa intlanzi kumanzi acocekileyo. Kufuneka avavanywe phambi kokufuya intlanzi. Zifundise ukuwavavanya amanzi ngokuthi uthabathe isampula yamanzi kwindawo ezohlukileyo edamini hayi enyeleni kuphela.
Kumanzi asezantsi: vavanya isampula zalamanzi umoya (oxygen), pH, initrogen epheleleyo, ammonia kunye ne phosphorus (P) epheleleyo.
Kumanzi athatyathwe emazantsi edama: vavanya umoya we oxygen, pH, kunye ne ammonia.

Amanzi Edama uwa Sampulisha Njani

Elona xesha lilungileyo lokuthabatha isampula yamanzi eNtshona Koloni yinyanga ka November ukuya ku January, utsho uHenk Stander oyinqununu yomphathi kwicandelo le Aquaculture: Department of Animal Sciences eStellenbosch University.
Sampulisha amanzi asemazantsi, phantsi (ukusukela ku 1 – 2 m ubunzulu) nakufuphi ezantsi kwedama ngoku sampulisha amanzi. Kumada anzulu,thabatha isampula ekungeneneni kwidama enye isampula ekuphumeni kwidama.
Thabatha isampula enye okanye ezimbini okanye ngaphezulu ukuba ezezimali ziyakuvumela, ukwenza uhlolo lwase laboratory olupheleleyo luzakubiza phakathi kwe R1 500 ne R2 000 (2019). Ubude besampula be 350 ml buzakonela. Gcina kwisikhencezisi ze uhlole kwintsuku ezintathu zokuthabatha isampula uyacebisa uStander.

Umgangatho Ofunekayo Wamazinga Amanzi Okufuya Intlanzi Kumanzi Acocekileyo

©Brian Ginn, North American Lake Management Society (NALMS)
Iisampula zamanzi ziyahlolwa kwizinto ezininzi ezohlukileyo kuquka ukuvavanya iimetali ezinzima emanzini. Umgangatho wamanzi wokuqala (phambi kokuqala ukugcina intlanzi kumanzi acocekileyo), kufuneka kubengalendlela ilandelayo:
UMoya we Oxygen:
Umoya owaneleyo emazantsi amanzi: 7 – 12 mg/L.
Amazinga aphezulu we oxygen angabonakalisa ukukhula kwe phytoplankton kakhulu kwaye kunyuse umngcipheko wokuphelelwa yi oxygen xa phytoplankton isifa.
pH:
Amanzi asemazantsi ipH yawo kufuneka ibesezantsi kuka 8 kwaye phakathi ko 5 no 8. Umohluko we pH phakathi kwaphantsi nakumanzi asezantsi kufuneka ubengaphantsi ko 1.5.
Ammonia:
Amazinga we Amonia emazantsi kufuneka angagqitheli ku 1 mg/L.
TP:
I-Total phosphorus levels (TP) kumanzi asemazantsi kufuneka ingagqithi ku 50 g/L (0.05 mg/L).
TN:TP
Umlinganiselo we total nitrogen: total phosphorus (TN:TP) kufuneka udlule ku 20. Oku kukuzama ukuthintela incasa engaqhelekanga kwintlanzi ngenxa yokungcoliseka bubuhlaza.
Ukubonakala:
Imbonakalo entle kufuneka ibengapha ko 50 cm, njengoko kufunyaniswe ne Secchi-disc efundwayo.

Translated by Zikhona Plaatjie