Ukutyelela iMapungubwe

iReserve Entle

©Jacques Marais

iMapungubwe National Park yavula iingcango zayo ngomnyaka ka 2004. Yi reserve entle, ekwenza ucinge ngembali yamandula kwaye inokuninzi okungalindelekanga.

Ndayifumanisa njengomthombo wochulumanco kwakunye nemvuselelo. Omnye wabatyeleli oyingwevu owayesuka eThohoyandou, wandixelela ukuba wonke umntu uya eMapungubwe ufuna ukuyibanga. Yinyaniso emsulwa ke leyo.

Ungaya Njani Phaya

©David Fleminger

iMapungubwe National Park imalunga nama 530 kms xawusuka kumntla Johannesburg (o480 kms xawusuka ePretoria). Kungakuthatha iiyure eziphakathi kwesihlanu ukuya kwezintandathu ukuya khona, kuxhomekeke kephofu nomngcelele weemoto endleleni. Ngumgama omde ingakumbi xa usiyela nje impela veki, kodwa awunakube uhambele ilize.

Ukusuka eJohannesburg, thatha indlela u N1 usingise ePolokwane/Pietersburg. Dlula kule dolophu uze ujike ungene kwindlela uR521 usingise eDendron. Emva kwase Dendron (nekwabizwa nge Mogwadi), qhubeka uhambe ngendlela uR521 usingise eVivo. Uzakubona umsele omkhulu ohamba ngqo okwi ntaba ze Soutpansberg the flat veld, uzakube sele udlula ngakwicala lawo elingasempuma.

Emva kwase Vivo uzakube sele ungena kwindawo ekuzingelwa kuyo ebizwa nge Alldays. Le ndlela ibukumila okomkhono wenja (kunene-khohlo) njengokuba uqhubeka ngendlela uR521 usingise ePontdrift. Malunga ne 11km phambi komda we Pontdrift, uzabe sele ubona uphawu olubhalwe iMapungubwe. Jika ungene ngasekunene ungene kwindlela u R572 uze uqhubeke malunga nama 23km de ufikele kwi heke. Usenokuya eMapungubwe uhamba ngeMussina.

Ukuze ulandele lendlela, ungaqhubeka ngendlela uN1 unqumle ePolokwane/Pietersburg and Makhado/Louis Trichardt ukuya eMusina/Messina. Xa use Mussina, jika ngasekhohlo ungene kwindlela uR521 uqhube kangangama 60km ukuya kufika kwiheke engena eMapungubwe. Zonke iindlela eziya eMapungubwe ezizakubeka kwiheke enkulu ekungenwa kuyo. Kwaye zonke ezindlela zine tha futhi zisemgangathweni.

Thenga Yonke Into ePolokwane

©Jacques Marais

Qaphela ukuba iPolokwane yidolophu enkulu yokugqibela ozakuthi uyibone, ngoko ke thenga yonke into ozakuyidinga. eMapungubwe kuzakufuneka uziphekele zonke izidlo zakho. Iidolophu zase Dendron, Vivo kwakunye ne Alldays zanazo izikhululo epetroli novenkile ezincinane ke ezinobuvilikitshane.

Khumbula ukugalela ipetroli xa ufika eAlldays, ngoba azikho ezinye izikhululo ze petroli phakathi kwe Alldays kunye neMapungubwe. Xa sele ugqithile eAlldays ayikho enye indawo onokuphinde ufumane kuyo ipetroli. Enye indawo onokuthi wethe kuyo ipetroli kuse Dongola Ranch, nemalunga nama 30km ukusuka kwi heke enkulu, nekwindlela esingise eMussina.

Imozulu kunye ne Malaria

©Ton Rulkens

iMapungubwe yindawo ethande ukunqatyelwa zimvula, ngoko ke ihlala yomile ixesha elininzi. Iimvula zibaphakathi kwama 350mm-400mm ngonyaka, zina kakhulu ngeenyanga zehlobo.

Njengoko besele kukhankanyiwe ngentla, lommandla uyanqatyelwa zimvula. Imini zehlobo zitshisa ngeyona ndlela, zingafikelela kuma 45 degrees centigrade. Imini zobusika bufudumele, kodwa kungakho inkwankca ebusuku. Licebo elihle ukuphatha iimpahla ezifudumeleyo ukuba uzakube uqhuba ebusuku.

iMapungubwe iphawulwe njengendawo enobungozi besifo seMalaria, ngoko ke ziphathele isikhuseli seengcongconi. Zimbalwa iingcongconi ezithwele isifo semalaria xa kuthelekiswa nase Kruger, kwaye akukakhe kwachazwa ziganeko zokosuleleka kutsha nje. Isigqibo sokusebenzisa okanye ungasebenzisi izithinteli ze malaria sixhomekeke kuwe. Ungadibana nogqirha wakho ukuba sikhona isidingo.

Translated by Zizipho Silwana