uKutya okuse Mpilweni kwe Nkomo zo Bisi

©Rykie Visser Agrinet/Gibson Supplies
Ukongeza imveliso yobisi enkomeni, kuye kunikezwe inkomo umxube osempilweni, xa isengwayo. Lomxube okanye lepilisi yokonyusa ubisi inikezwa inkomo nganye. inani elinikezwa iinkomo lixhomekeka kuhlobo lwazo, umyinge wobisi okanye isiqingatha sokuncancisa. Lemixube inganikezwa ngenani elithile lendlela ezityiswa ngayo okanye indlela yokutya eyonyukayo. Indlela yokutya eyaziwa ngokuba yi ‘flat rate feeding system’ ityisa inani elithile mihla le ukususela kuzalo ukuya kuma ekupheleni kokuncanca.
Umzekelo iHolstein izakudinga i-9 kg/ngemini ngelixesha. Lendlela yokutyisa ityisa amanani ohlukileyo okutya kumaxesha ohlukileyo okuncancisa. Umzekelo i12 kg/ngemini ukususela ekuzaleni ukuya kwintsuku ezingama 100 ebisini (DIM), le 9 kg/ngosuku ukususela ku 101-200 DIM kulandele 6kg/ngosuku ukusuka ku 201 DIM kude komiswe. Umlinganiselo ofanayo unganikezwa iinkomo eityiswa ingca eyohlukileyo, kodwa ke, iprotein nezinga la mandla neminerali, logama umxube onikezwa izilwanyane nge oat yenqolowa ufuneka ibene protein engumlinganiselo we 19%.
Nangona kutyiswa ingqolowa yomgangatho ophezulu nomlinganiselo ophezulu we 12 kg/ngosuku ngexesha kusaqala ukuncanciswa, Amandla awoneli. Oku kungenza iinkomo zisebenzise Amandla asenqabeni (ukutyeba) ukuvelisa ubisi kwaye kungenza iinkomo zibhitye. Phakathi ekuncanciseni (101-200 DIM) uveliso lo bisi nemeko yomzimba yenkomo kufuneka igcinwe isesimeni esilungileyo. Xa sele kuphela ixesha lokuncancisa, imveliso yobisi iyehla iinkomo zibena mandla azilungeleyo. Imeko yomziba weenkomo ibangcono ibonakalise ukutyeba esiqwini. Imeko yomzimba wenkomo ibangcono ibonakalise ukutyeba. Lilonke, oku kuthetha okokuba iinkomo ezityebileyo zibiza imali.

uKutyisa iinkomo zoBisi Ezomileyo - Ukungancancisi

inkomo ziyomiswa iintsuku ezingama 50-60 phambi kokuba izale kwakhona. Ezomileyo (ukungancancisi) libalulekile eli xesha ukuphinda kubuyiselwe ubisi kumajoni omzimba alikhuphayo, ekhuphela intshontsho. Iinkomo ezomileyo zityiswa ecaleni kwezinye iinkomo kuba zitya kancinci. Akufunekanga zityebe kuba ziyadura xa kunjalo kodwa ingenza iingxaki ezifana ne ketosis emveni kokuzalwa. Umxube akufunekanga ubenamazinga aphezulu kuba oku kunyusa ixabiso lokutya logama ithatha indawo yexabiso eliphantsi lengqolowa.
Indlela yokuphuma kobisi iyehla kumazinga aphezulu omxube. Oku kubizwa njengomthetho wokutshabalalisa ingeniso. Umzekelo ukutyisa 0-4 kg yomxube kuvelisa impendulo yobisi ye 0.72 kg ngokwe kg yomxube, kodwa ukutyisa 4-8 kg yomxube uzakukhokhelela kwimpendulo engu 0.35 kg yobisi olongeziweyo. Lilonke, sukunikeza amazinga aphezulu omxube njengoko ubuninzi bobisi buye behle.

Translated by Zikhona Plaatjie