Ukuthenga Intlanzi ezise Ncinci

© Henk Stander
Ukuthenga iintlanzi ezise ncinci zodidi oluphezulu (fingerlings) kubalulekile ekufuyeni intlanzi kumanzi acocekileyo. Thenga kwindawo zentlanzi eziphantsi kolawulo oluluqilima, buzisa kwamanye amafama, uqinisekise okokuba uthenga intlanzi esempilweni. Oku kulandelayo zizikhokhelo:
Gqiba ngexabiso lokuthengisa kwangethuba ze uqathanise nabanye abavelisi bentlanzi.
Hlola imbonakalo yentlanzi, inani lazo nganye, imilinganiselo eqhelekileyo kunye neminyaka.
Qinisekisa ukubeka esikalini nokubala kwenziwe kakuhle kuba uzakubhatala umvelisi ngokwe kilogram yentlanzi efakiweyo. Ubunzima obupheleleyo kunye nenani lentlanzi zibalulekile ukuqikelela ukukhula nokubala ifeed conversion rate (FCR).
I-FCR bubungakanani bokutya obuthe basetyenziswa ukuvelisa inyama yentlanzi nganye.
Qaphela isampula yama 100 ukuya kuma 200 entlanzi kwangethuba leveki enye. Xa kungaqapheleki nto ingaqhelekanga, intlanzi zonke zinga pakishwa. Ukwenza ngoluhlobo kuzakunceda okokuba kuhlolwe umgangatho wamanzi wedama lakho kunciphiswe umngcipheko wokuphulukana nentlanzi xa idama ligcwele.
Yiba nesivumelwano nomthengisi malunga nendlela nexesha ekufanele ubhatale ngalo.

Ukuhambisa Intlanzi Kwindawo zanga Phandle Zokuzikhulisa

Lungisa izixhobo ezifunekayo, ulungise nentlanzi ozakuyihambisa. Ukuhlala uzijongile ngexesha ozihambisa ngalo kubalulekile ukuqinisekisa impilo yentlanzi kwaye okokuba ifika isekwisimo esilungileyo. Jonga oku kulandelayo:
Incwadi zempepha mvume ezisuka kwi ofisi yezononophelo lwendalo ekufuphi kwiphondo lwakho, kubalulekile ubenayo ukuze ukwazi ukuhambisa intlanzi. Kufuneka ifunyanwe iintsuku ezilishumi elisine (14) phambi koluhambo ngesithuthi, uyacebisa uHenk Stander oyinqununu ephetheyo kwicandelo le Aquaculture: Department of Animal Sciences at Stellenbosch University.
Jonga uqikelelo lwemoyezulu iintsuku ezimbalwa phambi kokuzihambisa. Xa isimo sezulu sishushu inkathalo eyo ngezelekileyo iyafuneka xa uhambisa iintlanzi.
Xelela abo bakulondawo zisiwa kuyo intsuku ezintathu phambi kokuba uzise ukuze ufumane intlanzi ezincinci (ezisengangonwe) indawo zokuzigcina ezilungeleyo zigcwalise ichibi lakho.
Iintlanzi ezisencinci kufuneka zilungiswe phambi kokuhanjiswa. Oku kuthetha okokuba azityiswa iiyure ezingama 24 – 48 weyure. Oku kwenza lula ukukhetha intlanzi zikwisimo ezilungileyo.
Izixhobo zesithuthi sokuhambisa intlanzi zingaqashiswa ngamafama athengisa intlanzi. Phatha itanki lomoya (oxygen) elongezelekileyo kwimeko ezingxamisekileyo kwaye qinisekisa okokuba zonke izixhobo zikwimeko esebenzayo. Amatanki omoya angaqashiswa kumafama athengisayo okanye kwabo bathengisa irhasi, njengo Afrox.
Faka amatanki esithuthini ngoko bunzima obucetyisiweyo: 1.0 – 1.2 kg yentlanzi nge 10 litha yamanzi.
Jonga izinga lomoya nemeko yentlanzi kumatanki emveni kokuba ifakiwe naphambi kokuba kuhanjiswe intlanzi. Qinisekisa imibhobho yomoya ayiphazanyiswa ngamatanki amakhulu; 1000 litha zamanzi zinobunzima be ton enye (1).
Hlola amatanki rhoqo emveni kwemizuzu 20 – 30 ngexesha lokuhambisa. Iintlanzi kufuneka zibese mandleni zikwazi ukuhamba-hamba lula. Qinisekisa amazinga omoya kunye nobushushu bamanzi ziphakathi kokuvumelekileyo. Xa intlanzi zikhangeleka zidiniwe okanye zisezantsi emanzini zifuna umoya, kungenzeka amazinga omoya asezantsi kwaye kufuneka kufakwe omnye umoya emanzini.
Umqhubi wesithuthi esihambisa intlanzi kufuneka aqinisekise umoya emavilini nguwo ofanelekileyo kwaye kufuneka aqhube ngononophelo maxa onke.
Xa kufikwa edamini, zama ukugcina ukulingana phakathi kwamanzi akumatanki kwisithuthi kunye namanzi wedama, malunga nobushushu nobungakanani bekhemikhali, ngokuxuba ama 50% amanzi wetanki ngamanzi wedama. Musa ukujula intlanzi ngqo edamini. Qhelanisa intlanzi kuqala iiyure ezimbalwa ze uzikhuphe ngobunono uzise kumanzi edamini; ngentsasa okanye emveni kwemini xasele lizakutshona ilanga kulungile.
Xa intlanzi zifakiwe, linda noko iiyure ezilishumi nambini (12) phambi kokuba uzityise ze ujonge intlanzi ngeso elibukhali kwinyure ezilandelayo ezingama 24 - 48.

Translated by Zikhona Plaatjie