Ukuthatha Iisampuli Zomhlaba

©Louise Brodie
Ukuthatha iisampuli zomhlaba okuzakulinywa kuwo, ze uhlolwe lelona nyathelo lokuqala libalulekileyo kulo naliphi na ishishino lezolimo. Oku kubonisa izinongo ezikhoyo kunye nezo zidingekayo emhlabeni lowo. Iziphumo zoluhlolo zenza kubelula ukukwazi ukuba kufanele kudingeka eziphi iimacro kunye ne micro nutrient.

Indlela Yokuhlola

Sebenzisa umhlakulo kunye namapheyile amabini, elinye ipheyile uzakugalela kulo umhlaba wangaphezulu ze elinye ugalele umhlaba ongaphantsi. Isampuli yomhlaba ongaphezulu uqhele ukukhiwa kuma 30 cm omhlaba. Umhlaba ongaphantsi ukhiwa kubunzulu obungama 30 cm ukuya ezantsi ukuya kuma 60 cm okanye I 100 km ukuya ezantsi.
Oku ke kuxhomekeka kubume beengcambu zesityalo ozakusityala kwakunye nokuba uzimisele ukuhlakua nzulu kangakanani na emhlabeni. Ukuba iingcambu zesityalo azikho nzulu, usenokuthatha umhlaba ongaphezulu kuphela. Ukujonga umhlaba nasenzulwini yawo kungakunika umkhanya wokuba umhlaba lowo ukwazi kangakanani ukufunxa amanzi. Uzakudinga malunga nesine ukuya kwisithandathu see sampuli kwi hekhthare nganye.
Ungaqala uyihlole nje ngamehlo indawo ozakulima kuyo ukuze ukhangele ukuba kukhona na ukungalingani/ukungafani okuzicaceleyo komhlaba. Ukuba umhlaba ukhangeleka ufana ubukhulu becala, ungabe sele uqalisa ukuthatha iisampulu kumhlaba wonke okuza kutyalwa kuwo. Qinisekisa ukuba uhrugula yonke irabula namatye kunye nazo zonke ezinye iintsalela ezifana nengca nezinye izityalo. Sebenzisa iphatheni engu Z, S okanye u W kuwo wonke umhlaba ozakutyala kuwo. Kungenzeka ukuba ufumane umhlaba kuso sonke isiza.

Ukusebenzisa iAugur

©Lousie Brodie
Ukuba usebenzisa iaugur, ikha malunga nama 30cm omhlaba ongaphezulu uze uwukhuphelele kwipheyile. Enza ngoluhlobo nakumhlaba ongaphantsi, uze uwukhuphelele kwi pheyile.

Ukusebenzisa Umhlakulo

©Louise Brodie
Ukusebenzisa umhlakulo okanye ifotsholo ukuqokelela iisampuli qala ugrumbe umngxuma osisi kwere, uqiniseke ukuba apha emacaleni ugrumbeke kakuhle ukuze uwubone umhlaba ongaphantsi. Thatha umhlakulo uze ukrwelele ngaphezulu malunga nama 30cm obunzulu ukusuka phantsi, ukhe malunga ne sentimitha ezimbini ukuya kwezintathu zomhlaba ongaphezulu uwugalele epheyileni.
Wenza ngoluhlobo ke naxa usikha umhlaba ongaphantsi. Kodwa ke xa usikha lomhlaba ungaphantsi qiniseka ukuba awudibani nomhlaba ongaphezulu. Nawo ke lo umhlaba uzakube sele uwugalela kwelawo ipheyile. Xa sele uzithathe zonke iisampuli zakho kwaye ukhe umhlaba ongaphezulu kunye nongaphantsi kuso sonke isiza sakho, umhlaba okwi pheyile ngalinye kufanele uwuxube udibane. Zonke iisampuli zakho zomhlaba ongaphezulu zidityaniswa ndaweni nye ze zonke iisampuli zakho zomhlaba ongaphantsi zidityaniswe ndaweni nye kwelazo ipheyile.
Ilabhorethri ezakwenza uhlolo lomhlaba wakho izakunika umlinganiselo ofunekayo wesampuli. Ngoko ke lomlinganiselo ungakhiwa kulamapheyile ze ufakwe kwiiplastiki ze iphawulwe ngokufanelekileyo. Lomhlaba kufanele ube sele uthunyelwa kwilabhorethri ngokukhawuleza.

Translated by Zizipho Silwana