Ukuhlakulela iCanola

© Shem Compion
I-Canola iveliswa kwimbewu ecolekileyo, yiyo lonto akufunekanga okokuba ityalwe kubunzulu obungapha ko 3 cm emhlabeni, nangona oko kusezantsi kwizityalo ezininzi zengqolowa. Ukuze ihlume kakuhle, ibhedi yembewu engumhlaba kufuneka ucoleke ungabinazo izigaqa, ufume kodwa ungadibani. Ukuhluma okulibazisekileyo kuzakwenza kubenzima xasele ziphumele ngaphandle okokuba zogqithe ukhula, kwaye zizakuba semngciphekweni wezifo.

Iintlobo

©Marinda Louw
Zininzi iintlobo ezifumaneka kweli lo Mzantsi Afrika, kwaye zicalulwe ngokwe zidingo zazo zokubandiswa, i-Agricultural Research Centre icebisa amafama ukuba acingele izifo zezityalo, ubude ezikhula ngabo, umyinge ezinokuthi ziwuvelise, kunye nokhula oluyingxaki xa ukhetha iintlobo ezahlukileyo nokukhetha umxube ukuze unciphise umngcipheko kwimveliso. Iintsuku zokudubula kwesityalo ziphakathi kwentsuku ezingama 70- 120.

Iintlobo Ezintsha

Ukusekwa okanye ukubakho kwentlobo ezintsha yinto eqhubekayo ejolise ekuphuculeni ukhuphiswano nengeniso enokuthi ifumaneke ngesivuno. Iintlobo ezintsha ziyavavanywa okokuba zomelele na ukumelana neenkumbi kunye nezifo, okanye ngenjongo yokunikeza impilo.

Ukutyala

©Shem Compion
Ubunzulu bokutyala buzakohluka kwifama nganye, kuxhomekeke kwizixhobo zokutyala nemeko zomhlaba. Xakuthethwa nje ngokwesiqhelo, ubunzulu besithole ezi ngu 3 kg ukuya ku 4 kg ngokwe hektare siye sisetyenziswe, izityalo ziqelelaniswe ukuze zihlume kakuhle. Ngesiqhelo iCanola iye ityalwe emveni kwemvula zokuqala ngenyanga ka April ukuya ekuqaleni kwinyanga ka June. Esisityalo asidibani nobushushu kunye noxinzelelo lwembalela xasikhula nakwinqanaba lokudubula.

Ukuchumisa

©Shem Compion
Ngelixesha izinongo zezityalo zingonelanga, zizakuba negalelo kwimveliso, umoya we nitrogen kunye sulphur zezona zinto zidityanisa nesivuno esingcono. Ubuninzi obudingekayo buxhomekeka kwisivuno esivelisiweyo kunyaka ongaphambili, uhlobo lomhlaba, imeko yesimo sezulu, uhlobo lwesichumisi olusetyenzisiweyo kunye nohlobo lwemveliso, umzekelo, ukuba kusetyenziswe iindlela zazefama ezongayo zithe zasetyenziswa nokuba hayi.
Cela lowo usebenza ngezityalo okanye izichumisi akuncede akwenzele uhlelo elizakujongana nezidingo zezinongo zesityalo sakho ngamaxesha athile ezigaba zokukhula. Isichumisi kufuneka sifakwe xa isityalo si sidinga kakhulu ukuze zisebenze. Ukuthintela ukonakala kwembewu, initrogen ne potassium kufuneka zibekwe kude kwimbewu kwaye xa kufakwa initrogen kufuneka ihlulwe kabini okanye kathathu.

I-Micro Nutrients - Izinongo Ezichumisa Umhlaba

I-Canola iyathanda ukuswela iboron kunye ne molybdenum, kwaye inezidingo eziphezulu ze copper, zinc ne manganese kunezinye iintlobo zezivuno zengqolowa. Okungonelanga kungathi kulungiswe ngexesha okanye phambi kokutyala okanye ngezifafazi kumagqabi exesheni.
Imali eninzi ingachithwa ekwenzeni “indlela yokondla izityalo elungileyo”, kodwa lenkcitho kufuneka ilingane nengeniso ukuqinisekisa amafama anengeniso eyaneleyo esuka kwi mveliso. Imihlaba ehluphekileyo umzekelo, izakuvelisa imveliso ehluphekileyo nokuba ufaka isichumisi esingakanani.

Translated by Zikhona Plaatjie