Ukufuywa kwee Ntlanzi Zokuhombisa eMzantsi Afrika

© BROMLEYS Aquatic Specialists

Kwilizwe loMzantsi Afrika, ukufuywa kweeintlanzi zokuhombisa kubonwa njengo ‘Cinderella’ okanye umzala ohluphekayo wokutya okuyintlanzi kushishino lwe aquaculture, kwaye iingcali zolushishino zibona okuba oku akuka zukutshintsha.
Apha eminyakeni maninzi amafama asakhasayo weentlanzi zokuhombisa kunye nefama enye enkulu ekwilizwe loMzantsi Afrika, kodwa akukabikho fama yentengiso inkulu kangako kweli lizwe. Zininzi izizathu ezibangela oku, kodwa ezona zizathu zibalulekileyo lixabiso kunye nomgangatho.
Ezi ntlanzi zokuhombisa zigcinelwa ubuhle bazo hayi ukuze zityiwe. Apho kukho khona imali encinane eyanele iimfuno zokuphila, iintlanzi zokuhombisa azibalwa nokubalwa.

Imakethi/Abathengi beeNtlanzi Zokuhombisa

Abantu abakwi banga eliphakathi lomrholo kunye namashishini anamatanki okugcina iitanki, ibangawo athenga unintsi lwezi ntlanzi zokuhombisa. Kwiingingqi ezityebileyo nezimi kakuhle, ukufuywa kweentlanzi ezikhethekileyo zokuhombisa kwandisa abagcini ntlanzi, nabaye batyale imali eninzi kumatanki eentlanzi kunye nezixhobo, bambi bade bazalise iibasement zabo ngamatanki eentlanzi.
Ijamani kunye ne Holland yimizekelo yamazwe apho iintlanzi zokuhombisa zifuywa ngobuninzi ukuxhasa iintengo yangaphandle, kunye neenkonzo ezihambisana nolufuyo ezifana nezixhobo. La mazwe aneemibutho/isosayethi zezintlanzi zokuhombisa. Le mibutho iye idibane, ipapashe imbalelwano kwaye iququzelele nkqu notyelelo kumazwe emvelaphi yezi ntlanzi izigcinayo. Ezona ndawo zindwendwelwa kakhulu yi Lake Malawi kunye noMlambo we Amazon.

Ilizwe loMzantsi Afrika lisekude koku. Ushishino lwentlanzi zokuhombisa eMzantsi Afrika lonyuka kakhulu ekupheleni kweminyaka yoo 1990 kwaye sele lehle kakhulu ukusukela ngoko. Oku kubangelwa kukwehla kwezoqoqosho loMzantsi Afrika. Omnye unobangela odlale indima koku kwehla kweli shishini kukwenyuka kwezinga lokusetyenziswa kwee khompyutha, nalapho umdlalo wokugcina iintlanzi sele ungenelelwe ngumdla we social media kunye nezinye izixhobo zombane, ingakumbi lulutsha.

Imveliso yeeNtlanzi Zokuhombisa

Ukufuywa kweentlanzi zokuhombisa ayilo shishini lilula kuba kubaluleke kakhulu ukuba nee ntlanzi ezikumgangatho ophezul. Iintlanzi zokuhombisa ziveliswa ngesixa entshona, kumazwe afana ne Singapore, Taiwan, Japan kunye ne Israel, xa kubalwa nje ambalwa ahamba phambili. Ilizwe loMzantsi Afrika lithenga malunga nama 95% eentlanzi eziphilayo kule mimandla.
Maninzi amazwe adlala indima- iSingapore ineefama ezingaphaya kwama 400- ngoko ke ukhuphiswano luthande ukuba luqilima. Iintlanzi eziveliswayo kufanele zibesemgangathweni kwaye zihlelwe ngendlela. Iifama ezininzi zihambisa ezi ntlanzi ngamashishini aye azithengise ngokwesixa, naye azithenge kumafama avelisa kancinane. Uninzi lwezifama zincinane, ngamashishinana osapho avelisa indidi enye okanye ezimbini zentlanzi. Iintlanzi zithuthwa ngenqwelo moya ukuya kwii marike ezikwindawo ezahlukeneyo ehlabathini.

Umgangatho kunye neendidi zeentlanzi zokuhombisa ezikhoyo ziyancomeka. ‘Iindidi’ ezintsha ezine mibala emihle ziveliswa rhoqo, nto leyo yenza abathandi bezi ntlanzi kwihlabathi jikelele bahlale besemdleni. Iindidi ezithile zibonwa njengezithandwa nje ixeshana elithile njengoko abathengi beentlanzi zokuhombisa behamba neendidi ezintsha ezithe zafika.

Translated by Zizipho Silwana