Ukufama iiBhokhwe zibisi eMzantsi Afrika

©Marinda Louw
Iibhokhwe ziqhuba kakuhle kwizimo ezahlukileyo, ngoba ayiphazamiswa yingqele nabubushushu. Iibhokhwe i-Milch (iibhokhwe zobisi) zingcono kuneenkomo, kuba zona zikwazi ukutya nakumadlelo angaphucukanga, ndawo leyo iinkomo zingeno kutyiswa kuyo. Ubisi lwebhokhwe lusetyenziselwa abantu ingakumbi abantwana abangavunywayo lubisi lwenkomo. Ibhokhwe inezinga eliphantsi le-folic asidi. Ekwabiza nangokuba sisakhamzimba u B9, i-folic asidi ibalulekile ekwenzeni amajoni womzimba obomvu, ukukhula kwamajoni omzimba kunye impilo yengqondo. Ubisi lwebhokhwe lunezinga eliphezulu le-protheni kunye ne-minerali ngaphezu kobisi lwenkomo.
Ubisi lwebhokhwe lunencasa ephawulekayo ngenxa yentlobo-ntlobo zamafutha ezikwi khrimu, into eyinika incasa ebungqaka kunye nentubululu. Ubisi lwebhokhwe lunganencasa kakhulu ngexesha lokuzala kweebhokhwe.

Iindidi Zebhokhwe Zobisi

©SA Milch Goat Breeders Society
Into ebalulekileyo xa ukhetha ibhokhwe yile: uzokuyifumana phi kuqala? Ukuba amanani entlobo ethile yebhokhwe aphantsi, amathuba maninzi okuba ukhethe esondeleyo kakhulu kwezo unazo. Lento ingakhokhelela ukuba ibhokhwe zilalele ngaphakathi.
Ibhokhwe ezine zobisi ezibalilekileyo e Mzantsi Afrika:
Saanen (emhlophe). Lena yeyona ntlobo yebhokhwe yobisi ixhaphakileyo elizwe.
Toggenburg (emdaka nangwevu)
British Alpine (emnyama)
Bunte Deutsche Edelziege (BDE) – inemibala emininzi yakugqiba ibe nomgca omnyama osuka entloko uyokufika emsileni.

©Marinda Louw
I-Saanen emhlophe sisilwanyana esiphakathi side sibesikhulu, esingamelaniyo nelanga lase Afrika kwaye singa khula umhlaza wamabele. Sikhula kakuhle kwiingingqi ezipholileyo kwaye zidinga umthunzi. I-Saanen zinyabile futhi zivelisa ubisi oluninzi (2.2 kg ngosuku), nokuba amafutha (3.1 – 3.8%) ethanda ukuba sezantsi kunezinye iintlobo zebhokhwe. Zilungele amashishini obisi.

©Marinda Louw
I-Toggenburg emdaka ngombala isuka ngokwentengo e-Switzerland ekuqaleni kweenkulungwane ezingamashumi amabini kwaye yeyona ntlobo yebhokhwe yobisi indala. I Toggenburg sislwanyana esomeleleyo, siphakathi ngubukhulu esinoboya obuthambileyo. Iinkunzi zineendevu ezinkulu. Imveliso yobisi ye-Toggenburg ingange 2.0kg ngosuku kunye nengqaka engange 3.2 – 3.7%. Azilungelani neendawo ezishushu kuba zikhetha iindawo ezibandayo.

©Marinda Louw
Ibhokhwe yobisi i British Alpine enemilenze emide sisilwanyana ezitsala amehlo – simnyama sinemigca emhlophe, kunye noboya obuqaqambileyo (imazi). Izlwanyana ezilithoba – iimazi ezintandathu kunye neenkunzi ezintathu zathengwa zathunyelwa zisuka e UK phakathi kweminyaka u 1924 kunye no 1936. Iibhokhwe i British Alpine ziibhokhwe ezikulungeleyo ukuvelisa ubisi – 2.0kg ngosuku. Zikwazi ukuvelisa ubisi nasebusika futhi zinomxhelo omde wokuncancisa. Ingqaka ingange 3.2 – 3.8%. Zikhetha isimo sentlalo esipholileyo kodwa esingafumanga kakhulu.

©Heinrich Hacker of Fränkisches Freilandmuseum Fladungen
I Bunte Deutsche Edelziege (BDE) yibhokhwe enkulu neyomeleleyo emibalabala. Iyakwazi ukuhamba kwaye sisilwanyane esizalayo esiphila ixesha elide esikwaziyo ukuzimela nezifo. I BDE iyanconywa ngobisi lwayo olumnandi kwaye iyamelana neemeko ezimaxongo.

Ukuthenga iBhokhwe

©Marinda Louw
Ibhokhwe ekhe yanetakane kunye namanye inamava – ibangu mama okwaziyo ukuvelisa ubisi ngemithamo emikhulu. Jonga ubukhulu bakhe (ebudaleni), ukomelela kwemilenze neenyawo, namazinyo kunye nesimo nempilo yamabele. Kumele abenamabele omeleleyo, ngaphandle kweendawo ezingaqhelekanga nezomileyo ezokuba bubungqina bokuba ibikhe yanosuleleko ngaphambili.
Iinkunzi kumele zomelele, zibesempilweni kwaye zikhule zikhokhobe. Iinkunzi ezisikwe iimpondo zamkelekile. Amanani ezilwanyana ezithengwayo axhomekeke kubungakanani kobukhulu bemfuyo umfama ayifunayo, neenkozo ezikhoyo, ubungakanani bentengiso afuna ukuyenza kwaye uzikhulisa msinya kangakanani na iibhokhwe zakhe.

Translated by Aviwe Damane