Ukubaluleka Koku Khongozelwa Kwamanzi Emvula Kunye Noku Londolwaza Kwe Ndalo

© Sustainable Sanitation Alliance
Ukungakhathalelwa komhlaba kunye nokugecwa kwa mahlathi kukhokelela kukhukuliseko lomhlaba kunye nokuhla komgangatho womhlaba. Xa kuphinde kubekho nembalela eyenza kome namanzi angaphantsi komhlaba, konke oku kuye kukhokelele kwiifama ezingenamveliso, amafama ashiya iifama zawo, ukwehla kwemveliso yokutya kunye nendlala.
Ukukhongozelwa kwamanzi emvula sele kuxhase abantu kangange sithuba seminyaka engama 3000 eyadlulayo. Namhlanje, ukuqokelelwa kwamanzi emvula sisenzo esingaxabisi kangako kwaye esiluncedo. Oku kwenziwa ngabavelisi abasakhasayo kunye namafama entengiso. Ngaphezulu, ukongiwa kwamanzi kubalulekile ukuze amanzi ahlale ekhona, kwaye ancede nasekuphuhliseni imveliso yefama.

Kukuthini Ukuvunwa Kwa Manzi Emvula?

©Marinda Louw
Ukuvunwa kwamanzi emvula kuxa amanzi emvula eqokelelw ukuze asetyenziswe phakathi kwekhaya okanye efama. Iindlela zovuna amanzi ziquka ukweza imisele ehambisa amanzi, ukuqokelela nokugcina amanzi aqengqelekayo. Amanzi angaqokelelwa kwiindawo ezima amanzi zendalo ezifana noonkcenkce mlanjana, ngaphezu komhlaba kunye nakumaphahla ezindlu. Amanzi emvula angagcinwa kumabhakethi, ematankini okanye emadamini. Kumaxesha amaninzi amanzi emvula agcinwa kumadama angekho nzulu nalapho aye asetyenziselwe ukunkcenkceshela, kodwa akwayekwa atshone emhlabeni ukuze ongeze amanzi angaphantsi komhlaba. Amanzi angaphantsi komhlaba ajike ancede kwimithombo nakuqula.

Kukuthini Ukolondolozwa Kwa Manzi?

Ukulondolozwa kwamanzi kukukhusela, ukuphuhlisa kunye nokuphatha amanzi ngendlela eyiyo. Kunkcenkceshelo, ukulondolozwa kwamanzi kufuna ukuba amanzi atshone emhlabeni kangangoko ukunciphisa ulophu nokuqengqeleka kwamanzi.
Imizekelo yolondolozo lwamanzi iquka oku kulandelayo:
Phinda usebenzise amanzi ebesele esebenzile - ungaphinde unkcenkceshele imifuno ngamanzi ebehlamba impahla.
Nkcenkceshela izityalo ngendlela eyiyo - nkcenkceshela amatyeli ambalwa, kodwa uqiniseke ukuba uyankcenkceshelisisa. Musa ukunkcenkceshela xa sele liphezulu ilanga, kwaye selitshisa.
Lungisa imibhobho kunye neempompo ezivuzayo.
Lima izityalo eziyinzalelwane yengingqi okuyo, neziyilungeleyo imozulu nendawo leyo.

Ulondolozo Lomhlaba kunye no Londolozo Lwa Manzi

Yintoni edibanisa amanzi nomhlaba?
Umhlaba yeyona nkonkxa inkulu igcina amanzi. Kwaye umhlaba ome kakuhle unceda ekugcineni amanzi ngendlela. Izinga lokutshona kwamanzi emhlabeni lixhomekeka kwizinto ezininzi, ezifana nentlobo yomhlaba, ekubeni kutyaliwe na kulo mhlaba, indlela omile ngayo umhlaba kwanobumqengqelezi bomhlaba.
Xa amanzi egcinwe emhlabeni, iingcambu zesityalo zibanakho ukufunxa la manzi. Ngoko ke, ukulondolozwa komhlaba kubalulekile ukuze ube sisiseko esichumileyo nalapho izityalo zinokufumana khona amanzi. Oku kungenziwa ngokugquma umhlaba ngengca eyomileyo okanye iintsalela zezityalo. Oku kunyusa izinga lokutshona kwamanzi emhlabeni ze kwehlise namaqondo obushushu emhlabeni. Nto leyo iye inciphise amathuba okunyibilika kwamanzi abe lulophu.
Eminye imizekelo yolondolozo/yokongiwa komhlaba iquka ukungavunguzwa okanye ukuvunguzwa kancinane, ibasin tillage, ukusebenzisa imanyolo eluhlaza nokutyala izityalo zokugquma. Ibasin tillage kukuvunguza umhlaba kwisigingqi esincinci okanye kwidama elingekho nzulu elakhiwe kanye phambi komsele okanye indawo emqengqelezi. Amanzi aye angene kwesi sigingqi xa kunethayo, aye atshone msinya xa umhlaba uvunguziwe uyekile nokuqina.

Imivuzo Yokuvuna Amanzi Emvula

Ukuqokelela amanzi emvula kunemivuzo emininzi. Xa uqokelela amanzi emvula kwindawo emqengqelezi okanye eyinduli, oku kungathintela kukhukuliseko lomhlaba okubangelwa ngamanzi ehlayo emva kweemvula ezinkulu. Kulula ukwakha izinto zokuqokelela amanzi emvula, azidingi zixhobo namathiriyeli ixabisa kangako kwaye azidingi kulungiswa nakukhathalelwa rhoqo.
Ukuqokelela amanzi emvula kucutha ixesha lokukha amanzi kwiimithombo yamanzi nemilambo kwaye kunganceda ikhaya ekubeni lihlale linamanzi, ingakumbi xa livuna amanzi kuphahla lwendlu/sakhiwo.

Translated by Zizipho Silwana