Samango Monkey
Intsimango

Igama

Intsimango [Cercopithecus albogularis]

Inkangeleko

Iinkunzi zinkulu ngaphezu kweemazi, amadoda anomzimba ona 7-9kg, abafazi bona aweyisha I 4-5kg. Umsila mde kathathu emzimbeni. Ufele lwasentlokweni namagxalaba ambal’omdaka ongwevu bumnyama. Ulusu bobuso, iinyawo, izandla kunye nemilenze engezantsi imnyama. Imilomo yeenkunzi iyavela ukwamkela izinja.

Itya ntoni

Intsimango itya iziqhamo, izinambuzane, iintyatyambo kunye namagqabi. Inkunzi yeNtsimango itya iziqhamo ezininzi ngaphezu kwemazi. Xa izingela into yokutya, kukhangeleka ingathi intsimango iqala imini yayo ngokukhetha iziqhamo, pha emini izothatha amagqabi, kodwa ke ekupheleni kwemini izodibanisa iziqhamo kunye namagqabi.

Ukuzala

Ithanda ukuzala ngexesha elithile. Iimazi zizala pha ngesizini eshushu futhi enemvula. Ithole lizalwa emva kwexesha lokumitha elithatha iimini ezi 140. Amathole afukanywa ngoomama bawo kangake nyanga ezimbini okanye ezintathu, futhi ziganwa xa zinenyanga ezilithoba. Iinkunzi ziyakhuphisana, zifuna ingqalelo yeemazi. Kumabutho eNtsimango, ixesha lokuvelisa alichanekanga.

Isimilo

ii-Ntsimango zithanda ukuhlala kwindawo yeemazi, apho kukhona inkunzi enye egqamileyo ezihlalela neemazi kunye neentsana nosapho lwayo. Okukuhlala bungundoqo benziwa zizalamane zemazi, ezizophinde ziyikhusela indawo yazo.

Indawo yokuhlala

Ziyakwazi ukuphila kwimigxobhozo yasehlathini, apho kukhona amagqabi avuthukayo pha kuMntla we KwaZulu-NataL, nangona nje zivalelwe yindawo eluhlaza enamahlathi emvelo. Kunqabile ukuba iye kumahlathi amancinci angange 50-100ha.

Zifumaneka phi

Azigcwalanga futhi azixhaphakanga eMzantsi Afrika, zifumaneka pha kunxweme oluseMntla we St Lucia, KwaZulu Natal nakumahlathi aseMpumalanga. Lentlobo iyanda kwiindawo zokuhlala ezifanayo ezingomakhelwane.
Lentlobo yasentshona, iyafumaneka kwi Afro-montane nakunxweme olusehlathini pha kwintshona KwaZulu-Natal, lugqithela ngase Mpuma Koloni pha kumntla wehlathi I Kysna. Inani elininzi elimxinwa lenzeka pha kumntla wonxweme. Ezintlobo zimbini zalapha eMzantsi Afrika zihlulwa ngemibala yazo.