Roussanne
Inkcazelo
iRoussanne ngumdiliya osetyenziselwa ukwenza iwayini emhlophe, omvelaphi yawo use Rhone kwilizwe lase France. Kusenokwenzeka eligama licatshulwe kwigama lesi French ‘roux’ (red) nanjengoko libhekisele kumbala obomvana bamagaqa omdiliya xa sele evuthiwe. Ngumgdiliya owongeza I asidi, ubushoqololo, nevumba xa udityaniswe nezinye iindidi zemidiliya ezifana ne Marsanne.
Imvelaphi
Kwelase France
Amanye Amagama
iRoussanne inamanye amagama angama 26 afana ne Barbin, iBergeron Fromental kunye ne Rebellot.
ECarlifornia, yayi bhidaniswa ne Viognier, kodwa akukho buhlobo phakathi kwezindidi zimbini. iRoussanne du Var enamaxolo apinki kunye ne Roussette zisenokuba namagama anezandi ezifanayo, kodwa azinabudlelwa nkqu ne Roussanne. eMzantsi Afrika, lomdiliya ubhaliswe njenge ‘Roussanne’.
Imveliso eMzantsi Afrika
Imithana yezizityalo zaziswa ngo 200 ngu Simon Barlow wase Rustenberg eStellenbosch nowathi wavelisa iwayini yokuqala engangxengwanga eyenziwe ngalomdiliya. Malunga ne 75ha zimidiliya ye Roussanne ezityalwe eMzantsi Afrika ngaphandle kwephondo liMntla koloni, iRobertson kunye ne Worcester. Ifama eziphawulekayo zise Paarl (27ha) Malmesbury (16ha) nase Stellenbosch (11ha).
Ukukhula
iRoussanne idinga imo yezulu eyomileyo yehlobo ukuze ivuthwe kwaye ayivelisi midiliya mininzi (6-8ton/ha) nkqu naphantsi kwemeke zokukhula ezilungileyo kakhulu. Ingumdiliya osebenzisa kakhulu. ECarlifornia kwafumaniseka ukuba lomdiliya zinochuku elangeni nasekusitshulweni kwamagqabi, oku kwenzela ilanga lingene kakuhle kwi bhantshi zonke.
Kuba Roussanne ingavuthwa ngaxesha nye oku kuthetha ukuba kufuneka ikhiwe izihlandlo ezininzi- Ukuvunwa ngesandla kukho okukhethwayo. Lomdiliya uvamise ukuvuthwa ubenezinga lesinxilisi eliphezulu. Ngoko ke kubalulekile ukulawula izinga lesinxilisi le wayini.
Ukuvuthwa
iRoussanne ikulungela ukuvunwa ekuqaleni kwethuba lokuvuna- Kanye emva kwe Sauvignon Blanc.
Amagaqa Omdiliya
Amagaqa omdiliya mancinci, arawndi kwaye anombala obomvana xa sele evuthiwe.
Amagqabi
Amagqabi aphakathi ngokomlinganiselo, anekona ezintlanu ezinzulu kunye namazinyo ambaxa arawndi.
Izonakalisi Nezifo
iRoussanne inochuku kukungunda (powdery mildew) kwaye isemngciphekweni wokonakaliswa ngumoya, nto leyo inokuhlisa inani lesivuno.
Imisebenzi
eMzantsi Afrika iyafumaneka njenge wayini engangxengwanga, kodwa ixabiso layo libaphezulu. Idityaniswa ne Marsanne and Viognier ukuvelisa umxube omhlophe onevumba elimnandi nencasana eqhwethayo, kodwa ekwa switi. Isemngciphekweni wokubola (oxidation).
Umxube we Roussanne wobushoqololo, iminerali ne asidi ikhokelela ekubeni ivunde kakuhle-ukufikelela nangaphezulu kweminyaka elishumi. Lewayini ikwancedala kukuvundiselwa emphandeni weplanga - Isenokuba ngumphanda okanye um oki.
Incasa
Iwayini ezinziwe ngemidiliya ye Roussanne ziphawulwa ngamavumba wazo amnandi ashoqololo. Zivuthwa kwangethuba kunye nezinga elisezantsi le swekile, iwayini zisenencasa ephelelelyo kaye ukuba ziyekwe zavuthwa ixesha elise, igcina umgangathi olungileyo we asidi.
iRoussanne ayingomdiliya unencasa eswiti kakhulu. Ithandelwa incasa yayo ebandayo nengathi yi oli emlonyeni kodwa nencasa yayo eqhwethayo ivamise ukuphawulwa. Isenokubanencasa ze paynapile, nezentyatyambo zasendle maxa wambi.
Translated by
Zizipho Silwana