Leopard Orchid

Igama

I-Leopard Orchid

Igama leLatini

Ansellia africana

Inkcazelo

Isityalo ileopard orchid luhlobo lwe sityalo esi ‘epiphytic’ oku kujolise kuhlobo lentyatyambo ekhula incamathele emthini ngengcambu, ixesha elininzi ijongise ngase langeni. Iintyatyambo ezinevumba ezimbala otyheli, maxa wambi zibe namachaphaza ambala umdaka, ziye zivele ngenyanga ka August ukuya ku September.

Ukufumaneka

Intyatyambo iLeopard Orchid ifumaneka kwindawo ezishushu, kwimimandla enemilambo eyomileyo kweli lase Mzantsi Afrika kwiphondo lase Limpopo, nakumazantsi we phondo lase Mpumalanga, na KwaZulu-Natal. Xa ungenelela kweli lase Afrika, ifumaneka kwindawo ezomileyo ezinamahlathi ze Northern Namibia, Botswana kunye ne Swaziland.

Amanqaku Asentsimini

Iinkumbi ezaziwa ngokuba zi Hawk moth okanye intambo zenundu ziye zitye ezintyatyambo zinevumba elimnandi ebusuku kwaye iingcambu zenzelwe ukuqinisekisa intyatyambo ihlala incamathele ngengcambu kwisihlala somthi, ngamanye amagama iyi epiphyte.
Isityalo iLeopard Orchid sisetyenziswa njengo ‘woza-woza wothando’ ikwalilo neyeza lamaphupho amabi, kwimizi yase makhaya isetyenziswa ukugxotha ukubaneka okuhamba nendudumo. Iyathandwa kakhulu ukusetyenziswa njenge sityalo esingu mzekelo kwiigadi.