Kukuthini Ukuvunwa Kwamanzi Emvula?

© US Bureau of Land Management

Ukuvunwa kwamanzi emvula kuhambisa amanzi emvula asuka kuphahla lwezindlu okanye lwezakhiwo, okanye ahamba emhlabeni ngemibhobho/gutters aze aye kugcinwa kwitanki lamanzi. Ukuqokelela amanzi emvula kuphahla kucoceke ukogqitha amanzi ahamba emhlabeni.
Nokuba uwaqokelela ngeyiphi indlela amanzi emvula, kubalulekile ukuwacoca ngaphambi kokuwa sebenzisa. Oku akuqinisekisi nje kuphela amanzi acocekileyo anokusetyenziswa phakathi kwekhaya okanye kwezolimo; koko kususa neekhemikhali, umhlaba kunye nezinye izinto ezimdaka kwaye kungathintela iimpompo ekubeni zingonakali ngenxa yezibhidi ezi semanzini.

Indlela Yokufakela Ubuchule Bokukhongozela Amanzi

Ukufakela ubuchule obulula bokukhongozela amanzi budinga izinto ezintathu: uphahla, imibhobho ezokuhamba amanzi kunye netanki lokugcina amanzi.
Coca uphahla kunye nemibhobho. Ukuba imibhobho/gutters zisadinga ukufakelwa, khetha igutters ezisemgangathweni nezikwaziyo ukumelana nemitha yelanga/PVC kunye nemibhobho eyehlayo. Qinisekisa ukuba igutters zikekelela ngasematankini. Oku kuzakuthintela ukupakishana kobulembu kunye namanzi amileyo, nto leyo inokubiza iingcongconi.
Onke amahlahla ajinga phezu kophahla kufanele asuswe ukuthintela amagqabi angangeni etankini okanye kwimibhobho. Sebenzisa izihluzo okanye umnatha kwimilomo yamatanki uze uyicoce rhoqo. Iikhemikhali zingahama nomoya xa utshiza izityalo. Musa ukutshiza izityalo ngemini enomoya.
Xa upeyinta uphahla, sebenzisa ipeyinti ekhuselekileyo njengoko iintsalela zepeyinti zinokungena kwitanki zingcolise amanzi nge tyhefu. Coca uphahla emva kwayo nayiphi na imililo ekwingingqi yakho. Emva kwemvula, uthuthu kunye neemvuthuluka zingangena etankini, nto leyo inokubangela ukuxinga kwiimpompo. Khumbula, uphahla olucocekileyo luthetha ukuba namanzi akho aza kucoceka.
Kungadingeka ifiltering system ukucoca amanzi ngaphambi kokuba asetyenziswe. Kungasetyenziswa enye yezi:
iSandbed filter
iPop-up filter
iStabilization tank

Amatanki Okugcina Amanzi

©Marinda Louw
Kungasetyenziswa neyiphi na intlobo yetanki lokugcina amanzi, kodwa qinisekisa ukuba licocekile kwaye linendawo yokuphuma amanzi okanye impompo. Fakela itanki elikhullu ngokwaneleyo, kwaye ukuba unakho ulibeke phezu kwesisekelo esomeleleyo nesilinganayo. Kufanele libe phezulu ngokwaneleyo ukuze amapheyile abe nokufakwa lula phantsi kwempompo yetanki. Ukuba wakha isisekelo sekonkrethu, qinisekisa ukuba singama 85mm ubudeki.
Musa ukusebenzisa itanki ebelikhe lasetyenziswa ukugcina izinto eziyityhefu ezifana namafutha enqwelo, i-oli okanye iikhemikhali. Ukuba unakho, musa ukusebenzisa itanki elenziwe ngee asbestos. Amatanki amanzi angenziwa ngeplastiki yohlobo lwe polyethylene, ikonkrethi okanye izinki. Amatanki enkcenkce kufanele aqatywe ngee concrete or food-grade liners ezifana ne PVC okanye ipolyethylene. Amatanki eplastiki awaxabisi kakhulu, logama amatanki ekonkrethi asenoku namaxabiso aphezulu kodwa ke agcina amanzi epholile.
Ungafakela elinye itanki lokukhuphelela nelizakugcina amanzi aphuphumayo kwelinye itanki. Ukuba uzakuwasela amanzi etanki, qinisekisa ukuba uyawabilisa kuqala. Kufuneka acocwe/filtered aze anyangwe nge blitshi. Abaphandi be Water Research Commission bacebisa umlinganiselo oyi ¼ we blitshi kuma 5 000 litha amanzi. Hlala uyitixile impompo yetanki ukuthintela nabani na ukuba angaweli kulo arhaxwe ngamanzi.

Translated by Zizipho Silwana