iSwine Fever

© National Pork Board, USA
iSwine fever eqhelekileyo kunye ne Swine fever yase Afrika zezona zifo ze swine/zehagu ezoyikwayo kwilizwe jikelele. Ngokwe miqolo ebhalwe ngu Dr Mary-Louise Penrith ethi, History of ‘swine fever’ in Southern Africa, izifo zenziwa zintsholongwane ezimbini ezohlukileyo kodwa ezivelisa iimpawu ezifanayo, oku kwenze kubenzima ukuzohlula. Zombini ziyosulela kakhulu kwaye ziyabulala, kwaye izinga lazo lokubulala phantse langu 100%. Iihagu ezithi zisinde kwesisifo, zihlala zisosulela kwezinye.

iiMpawu

Iimpawu azikho nye okanye azihlali zifana kwaye kulula ukuzibhidekisa nezinye izifo, lilonke uqhamko kufuneka luqinisekiswe ngoku hlolwa kwi laboratory ngovavanyo. Isifo senza umkhuhlane okwizinga eliphezulu nokufa okukhawulezileyo. Amafama anyanzeliswa ngumthetho okokuba achaze xa ethe asola uqhambuko kwi ofisi ekufuphi yomzi wezilwanyana okanye lowo usebenza ngempilo yezilwanyana/ugqirha wezilwanyane, yena ke uyakuthi aphande oluqhambuko aqokelele iintwana ntwana ezizakuthi zihlolwe kwaye zihlaziywe.
Iimpawu ezibonakalisa okokuba ihagu isulelekile ziye zivele kwintsuku ezintlanu ukuya kwezi sithoba emveni koku base mngciphekweni wesi sifo. Iimpawu eziqaphelekayo, ngokwe South African Pork Producers Organisation’s incwadi ethi Pigs for profit nazi:
Umkhuhlane okwididi oluphezulu ungaqala kwintsuku ezimbalwa phambi kwazo zonke iimpawu.
Ukufa kwee hagu ezininzi ezikwiminyaka eyahlukileyo.
Iihagu ezifa msinyane, Phakathi kosuku ukuyo kuma kwintsuku ezilishumi emveni koku gula.
Iihagu ezinga funi kutya.
Ukudinwa, iihagu ezihleli zilele ngalo lonke ixesha.
Iindlebe, imilenze, namazantsi esisu aba bomvu, zibe mbala ubomvu ukuya kuba mfusa.
Incindi ephuma emehlweni okanye empumlweni, ukugabha, ukuhambisa, okanye ukuqhinwa.
Ukuphefumla ngoku khawuleza, kwaye nzima.
Ukuba buthathaka kwemilenze yangemva, ukuhamba nzima.
Iintlungu emazantsi esisu.
Iihagu ezimithiyo ziye ziphunyelwe zizisu nokuba zikweliphi inqanaba ekumitheni.

Zisuleleka njani iiHagu?

Iihagu zosuleleka ngokuthi zidibane namathe, nomchamo, nelindle, okanye igazi okanye iihagu ezosulelekileyo; okanye xa zidibana nabantu, izixhobo, iimoto, okanye iimpahla eziye zadibana nesisifo.
iSwine fever yase Afrika ingafumaneka xa iihagu zilunywa yimikhanzi eyosulelekileyo.

uNyango

Alukho unyango. Ugonyo lwe Swine Fever eqhelekileyo alukafumaneki eMzantsi Afrika kwaye alukho olwe Swine Fever. Xa uqhambuko luqinisekisiwe, zonke iihagu ezosulelekileyo, nezingo sulelekanga kumhlambi wee hagu zitshatyalaliswa ngendlela ebizwa ngokuba yi “stamping out” oku kuthetha ukutshabalalisa ngolwimi lwesintu.
Amafama akufunekanga azame uku”tshabalalisa” ngokwawo, ngoku kufuneka zilahlwe kakuhle zonke iihagu kwindawo ezinosuleleko, nokucocisisa nokulwa nosuleleko kwindawo ezisulelekileyo. Lentsholongwane ingahlala endaweni iinyanga xa ingatshatyalaliswanga kakuhle.
Iifama ezichaphazelekayo nezakhiwo zibekelwa bucala ukuthintela isifo zinga noneli kwezinye iifama zehagu. Akufuneka naphantsi kweziphi iimeko okokuba iihagu okanye nantoni eyenziwe ngazo ithengiswe okanye zivunyelwe sishiye isakhiwo kwifama ezibekelwe bucala okanye nawuphi na umhlambi okanye indawo apho kukho uqhambuko olukrokrelekayo.

uThintelo

Imithetho yokhuseleko eluqilima iyafuneka ukunqanda imihlambi ingadibani nezingcolisi, esifana nabantu, izixhobo, iimoto, ukutya, iimpahla, neehagu ezigulayo. Ukutya okushiyekileyo kwase gadini nase khitshini kufuneka kuphekwe iyure ukuqinisekisa okokuba ayikho intsholongwane, nqu okwase khitshini okune mifuno kuphela ngoba kungenzeka idibene nenyama yehagu ekrwada.
eMzantsi Afrika, kukho iindawo ezikhethekileyo zolawulo lwe swine fever eLimpopo, Mpumalanga, North West, nakwa Zulu Natal, apho isifo ziqhambuka kwi hagu zasendle maxesha onke. Ezindawo azivumelekanga ukuhamba hamba ukuthintela izifo zinga noneli kwezinye iindawo ezingachaphazelekiyo apha kweli lizwe.
Nangona ezintsholongwane zingaba chaphazeli abantu, inyama yehagu eyosulelekileyo akufanelanga ityiwe. Umkhuhlane okwizinga eliphezulu nokopha okudityaniswa nentsholongwane kwenza inyama ingabikho mnandi kwaye ingakulungeli ukutyiwa ngabantu.

Translated by Zikhona Plaatjie