Isiselo se Jusi - Iintlobo kunye no Calulo

©Verband der deutschen Fruchtsaftindustrie e.V.

Ukumfaxanga isiselo se jusi kohluka ngokuthi ukhame uhlobo lwesiqhamo olunye ekhaya, ukuya kuthengisela iinkampani zamazwe angaphandle isiselo se jusi ezixutyiweyo kumazwe-ngamazwe. Ezi mveliso ze jusi ziveliswa kwimizi mveliso ye jusi esebenza kwizinga eliphezulu, ukuzenza ze zipakishwe kwimbodlela ezintle zodidi oluphezulu.

Iijusi zingathengiswa njenge jusi yesiqhamo esinye (umzekelo, isiselo se jusi ye orenji) okanye ingaxutywa nezinye iijusi ukongeza ubuswiti, ukwehlisa i-asidi, umbala okanye incasa kunye nokongeza iintlobo zezinongo ezifumanekayo kwimveliso.

Iimveliso ezikhanyiweyo ze jusi zicalulwa ngoko buninzi boqobo lwejusi obufumaneka kuzo.

U-Calulo Lweziselo ze Jusi

U-Calulo lwe jusi eyenziwe ngeziqhamo, ngokwe South African Fruit Juice Association (SAFJA), luyalandela:

‘Isiselo se jusi yeziqhamo efreshi’ kuyo kufumaneka nama 100% we jusi engangxengwanga. Kufuneka ithengiswe kwi yure ezimbini emveni kokuba ikhanyiwe.

‘Ijusi engenayo incindi eswiti’ yona inama 100%, nezongezelelweyo ezimbalwa.

‘Incindi yesiqhamo’ kufuneka ibenomlinganiselo omncinci we jusi yeziqhamo, kodwa ke ubungakanani buyohluka ngokweziqhamo.

Umzekelo, ubuncinci bama 50% we jusi buyadingeka kwi payina, orenji, natshi, ne apile. Ubuncinci bama 35-40% we jusi iyadingeka kwi aprikothi (35%), pesika ne pere (40%) ngexesha yona igranadila, gwava, bhanana blackcurrant, papaya, litshi nencindi yesiqhamo se mango zidinga ubuncinci bama 20% ukuze zichazwe kanjalo. Isiselo se lamuni ne lemoni kufuneka zenze noko malunga no 12.5% womxube ukuze yaziwe ngokuba ‘ngumxube weziqhamo’.

‘Isikwashi esisi selo seziqhamo’ kufuneka sibenobuncinci obungama 24% we jusi engangxengwanga kunye no 6% (ubuncinci) ngendlela engxengiweyo, ngexesha ‘isiselo seziqhamo’ kufuneka sibena malunga no 6% we jusi.

‘Isiselo esenziwe ngeziqhamo esingxengiweyo’ sivame ukuba nomlinganiselo ka 6% we jusi yeziqhamo.

Iintlobo ze Jusi

Iziselo ze jusi ezaziwayo nezidumileyo ezifana ne orenji, mdlilya, payina, apile, tomato, kunye nemixube zisekelwe kakuhle, kodwa iziselo zeziqhamo ezikhula endle (umzekelo, amanzi we khokhonathi, aҫai kunye ne goji bheri), isiselo se jusi yemifuno (umzekelo, tyhukhamba kunye ne ngqolowa yengca i-wheatgrass) kunye ne jusi exutyiweyo kodwa luyakhula udumo lwazo.

Ezinye iintlobo zemveliso ze jusi zisetyenziselwa ukwenza amayeza - imizekelo iquka isiselo se-Aloe ferox ne kaffir ye lamuni esisiselo.

Isiselo sejusi singahluzwa ukukhetha izigaqa, ukuze icwenge, ikhazimle xa sele igqityiwe, kodwa abathengi abaninzi abagadene nempilo bathanda iziselo ze jusi ezingakhazimliyo ezine ntlenge yendalo. Iziselo eziqhelekileyo ezicwengileyo zeze apile, mdiliya, kunye ne bheri umzekelo icranberry.

Iziselo ze jusi zingongezwa umoya ukuze zihlwahlwazele okanye zisetyenziswe kwi sosi, iziselo ze cocktail, imarineyidi, okanye iziselo sesiqhamo ezixutyiweyo ukongeza incasa ne asidi (umzekelo isiselo se lamuni ne lemoni).

Isiselo esimfaxangwe sibanda sesona sinikeza impilo. Ngelixesha, isiselo se jusi sifunxwa ngokuthi kucinezelwe isiqhamo. Xa kusetyenziswe isifunxi esingazinzanga esiphakathini, izikhali ziyasika, siyicole imveliso, oko kwenze ubushushu bande ze isiqhamo sifumane umoya owongezelekileyo we oxygen. Umoya we oxygen wenza ukurusa kona kungadibaniyo no vitamin B no vitamin C. 

Iziselo ezicinezelweyo zafunxwa zigcina iziqhamo okanye imifuno ne vitamini ne minerali kwaye ixesha elininzi azongezwanga ngezinye izinto ezenza incindi eswiti okanye ezisetyenziswayo kwibhotile okanye engeka fakwa kwiibhotile.

Imixube ye Siselo se Jusi

Hayi zonke iziqhamo zilungele ukwenza isiselo se jusi esiqhelekileyo kwaye ingajika ibesisiselo esingqindilili xasele senziwe ijusi. Intlama yesiselo seziqhamo esifana ne pere, bhanana, aprikothi, ne mango zidinga ukuxutywa emanzini okanye nezinye iijusi ukuze iseleke. Lencindi ingqindilili isetyenziswa kwi smoothie, cocktail, ice-cream, kunye nezinye iimveliso ezinexabiso.

Ezinye iziselo zilungele ukusetyenziswa kwiziselo eziyimixube ngenxa yencasa, ubungakanani, okanye ubukrakra - bhitruthi, iminqathe kunye ne Aloe ferox zizo eziza engqondweni.

Ezinye iijusi yimixube eyongeziweyo ukuze kongezwe incasa, asidi, umbala, incasa, nakwimveliso esele ixutyiwe. Nangona ukongeza iziselo ezithile kungenza kubekho okunye okongezelweyo bokuyigcina ixesha elide isiselo; isiselo se rhubarb (10-20%) kungaphazamisa umbala omdaka kwi jusi ye apile.

Translated by Zikhona Plaatjie