iParsley Jikelele

© Louise Brodie

Igama le sayensi: Umbelliferae
Igama eliqhelekileyo: Parsley

Imvelaphi yesityalo iParsley isuka eSouthern Europe kunye nase North America. Namhlanje itywalwa kumhlaba wonke ngenxa yamagqabi wayo amatsha kwaye omileyo. Zimbini iintlobo ze parsley, iparsley emagqabi ajiko-jiko (Crispum) yona ke sisityalo esomeleleyo, ze kubekho ne parsley ethambileyo yesitaliyane (Italian) emagqabi ambaca (Neapolitanum).

Inkcazelo nge Sityalo

Isityalo iparsley sityalwa rhoqo emveni konyaka wesibini, kwaye sivelisa ivumba elimnandi, amagqabi amnandi athambileyo kwaye anencasa kunyaka wokuqala, kwaye xa ivunyelwe ikhule kunyaka wesibini, izakaya kwibewu. Inengcambu eyomeleleyo enencasa eyomeleleyo xa ivunwe kunyaka wesibini xa imbewu sele ivuniwe. Ipasley yase hlathini ikhula ukuya kuma 40 cm ubude ze ivelise iqela lesiqu esinencasa esigcwele ingxenye yamagqabi.
Amagqabi ambala uhlaza ongacacanga we ‘italian flat leaf parsley’ ithambile kwaye ibhityile futhi yeyona ikhethwayo ngaba pheki abaninzi. Iparsley enamagqabi ajiko-jiko inako ukuqina kodwa nayo inencasa ngokufanayo kwaye ingasetyenziswa ukuhombisa ukutya, kuba ikhangeleka intsha ixesha elide.
Inkoliso yabavelisi bakhulisa iparsley rhoqo ngonyaka, baphinde batyale nyaka nonyaka.

Imisebenzi

Ipasley ilinywa ngenxa yamagqabi anevumba elimnandi, amagqabi athi asetyenziswe ematsha okanye omiswe xa ephekwa ngenjongo yokuncasanisa ukutya okanye atyiwe ehlaza kwizidlo ezibandayo ezaziwa ngokuba zi ‘salads’.
Ipasley ke inodumo ngokunikeza isondlo esingu vitamin C.

Iimfuneko zo Mhlaba noku Wulungisa

Iparsley ikhula kakuhle kumhlaba owomileyo onesanti exubene nomhlaba ophezulu kwizichumisi. Ikhula ngcono kumhlaba one pH engu 6 ukuya ku 7.
Xa ulungisa umhlaba kwindawo enesityalo kubaluleke kakhulu ukufaka umgquba owaneleyo ongaxutywanga okanye izichumisi emhlabeni. Kufuneka kukhofolwe ixesha elingange nyanga phambi kokutyala ukunikeza izichumisi ixesha zingene emhlabeni, nokhula ixesha lokuba lidubule. Umhlaba kufuneka ufakwe iganda-ganda iveki phambi kokuba kutyalwe ukucoca ukhula kwakhona nokwenza indawo enezityalo iphole kancinci de kufikelele isichumisi esifakwa phambi kokutyala kunye nentwana ntwana usuku okanye iintsuku ezimbini phambi kokutyala iparsley.

Isimo se Zulu

Iparsley ikhula ngcono kubushushu obuphakathi ko 14℃ kunye no 26℃. Ifuna ke ubushushu bomhlaba obungu 15℃ ukuya ku 20℃. Isityalo siyanyamezela kancinci kumbethe.

Izilimo

Kwimveliso ezilinyelwa ukuthengiswa izilimo ze parsley zezi: Banquet, Champion, Evergreen, Italian curled, Italian Flat, Moss, Pagoda kunye ne Triple Curl.
Kulungile ukufumana iingcebiso zalowo wengingqi ngendlela zokukhulisa kwinkampani eyaziwayo ethengisa imbewu, ngoko kuba zeziphi iintlobo ezigcono phantsi kwezo meko kunye nentengiso ekujongwe kuyo.
Kungcono ukwazi obathengiselayo iparsley phambi kokuyilima.

Translated by Zikhona Plaatjie