Ingaba iAfrican Wormwood Ingasinyanga na Isifo Somhlaza?

© Marinda Louw
Yaziwa njenge African Wormwood okanye isagewood - Artemisia afra - sisityalo esine vumba kakhulu esikwaziwa njenge wildeals (Ngesi bhulu), umhlonyane (isiXhosa), umhlonyane (isiZulu) yaziwa njenge lengana ngesi Tswana. Kukho izizukulwana eziqikelelwa kwi 400 ze Artemisia kwilizwe jikelele, uninzi lusetyenziselwa amayeza kodwa i-A.afra sesona sityalo samandulo kolu uhlobo. Isetyenziswa kakhulu ekwenzeni amayeza, i-artemisia inceda ukunyanga umalaleveva (malaria), intloko, intshulube ezise mathunjini kwaye izenyuse umdla wokutya. Ukubilisa amagqabi, ufuthise ngomophu kuyanceda ukuphilisa isifuba, nokuphelisa ingqele, ukhohlokhohlo, umqala obuhlungu, umkhuhlane, nokuminxana kwesifuba.
Iingcambu, isiqu, namagqabi aye alungiswe, asetyenziswe kwimixube, ukucima, ukuphelisa iintlungu, iziqholo zokuhlamba umzimba, nezokuthambisa. Umhlonyane uyatshaywa (ukuphelisa uxakaxa, nokunyanga umqala obuhlungu), ukufixiza, okanye iselwe njenge ti (iyakrakra kakhulu). Xa iselwa njenge ti, lomthi unceda kwi mfuxu, ukuqhinwa, ukhuphe neentshulube. Enye yezinto eziqhelekileyo kukufaka amagqabi empumlweni asandula ukukhiwa ukuvula iimpumlo ezivalekileyo nokuphelisa ukumongoza. Iyafakwa nakwi kawusi ukunceda iinyawo ezibilayo kwaye isetyenziswa ekufuthiseni ibranti. Isetyenziselwa noku bulala izinambuzane nee ncukuthu. Amagqabi afudunyeziweyo asentyenziselwa ukuthoba indawo edumbileyo okanye isifo ezifana nesifo samathambo, logama amafutha okuthambisa xa esetyenzisiwe anganceda kwi hermorrhoids (ubuhlungu basemazantsi ezisu). Izifundo ezixhasa ukusetyenziswa kwelichiza ngokwesintu ziseza kwaye nomsebenzi wazo wokunyanga izifo ezifana nentliziyo, (cardiovascular), umhlaza, ingxaki zokuphefumla zisaphandwa. Uphando oluthile lwajonga ukusetyenziswa ko mthi we Artemisia ukuthintela izinambuzane ezaziwa ngokuba yi coccidiosis kwii nkukhu ezimhlophe ezikhuliselwe ukuvelisa inyama.
eMzantsi Afrika amagqabi nesiqu ziye zivunelwe ukuvelisa i-oli ezithi zisetyenziswe. Kuvunwa kabini - phakathi ehlotyeni, kuphindwe kwakhona ekupheleni kwehlobo/ekuqaleni kwentwasa hlobo. Le oli isetyenziswayo iye ivundiswe ngokufakwa kwiziciko zentyatyambo ivelisa i-oli eninzi yodidi oluphezulu. Kufuneka kuvunwe ekuqaleni naphakathi ngexesha lokukhulisa xa i-oli ikudidi olubalaseleyo. Ukuvundisa ngoko mophu kuvelisa imibala ehlukileyo, efana namachiza, ebukufane ne camphor.
i-oli ye Artemisia isetyenziswa ekufutheni ukuze iphelise ukuxinana kwee mpumlo okanye ungayithi qaba ebhafini xa uvasa, ukuthomalalisa iintlungu zokubasexesheni, nasemveni kokuzala umntwana. Le ke inomlinganiselo ophezulu we thujone yiyo lonto kufuneka isetyenziswe ngobunono ngumntu okhulelweyo okanye onesifo sokuxhuzula. Lomthi ke akufunekanga usetyenziswe ngapha kwentsuku ezisixhenxe (7) ukuyokuma kwishumi (10) kuba ingenza intloko nokungcangcazela. (iThujone iyafumaneka kakhulu kwi Artemisia nakwi A.absinthium ibenegalelo ekwenzeni utywala nevumba eliza ngamandla ezimpumlweni, iyaziwa ke nangokuphazamisa ingqono.)
Ngalomzuzu abakho ababhalisele ukusebenza ngetyatyambo icultivar ze A.afra eMzantsi Afrika. Ezinye ezikhula eMzantsi Afrika yi Artemisia absinthium (umhlonyane oqhelekileyo. iArtemisia dracunculus (tarragon) ne Artemisis vulgaris, (iyaziwa nange Mugwort, felon herb, iSt John’s plant, bulwand, sailor’s tobacco ne green ginger) ne Artemisia annua iwormwwood yesi China okanye iworwood encasa eswiti. iArtemisia vulagaris iveliswa kakhulu eMpuma koloni.
Artemisia ixhaphakile eMzantsi Afrika kwaye ihanjiswa kwiindawo ezininzi. Lomthi unomtsalane uxhaphakile kwiigadi, womelele kwaye kulula ukuwu khulisa. Ibonakala ngokuba fukufuku namagqabi amdakana (grey) ngombala. Uncangathi xa uwubamba okanye uwusika nevumba elimandi. Ikhula kumahlathi anemithi etyebileyo abubude be 0.5 ukuya ku2m ubude. Zisasazwa ngoku nqunyulwa, zohlulwe, okanye imbewu etyalwe entwasa hlobo okanye ehlotyeni. iArtemisia ke ithanda ukukhula kumhlaba ongenamanzi, ilanga elipheleleyo, kwaye iyakuthanda ukuhlala ichetywa. Iyakwazi ukumelana neenkumbi iArtemisia iyanceda kakhulu ukuhlisa ukuthintela inkumbi kwizityalo (funda ngakumbi ngokutyala ngaxeshanye). Kwi wild Artemisia ifumaniseka ekwenyukeleni obufikelela ku 2 500m kufuphi neengxangxasi zemilambo nasekupheleni kwamahlathi. Okwangoku ngo (2012) ilinywe kancinci kwa Zulu Natal eMidlands, Mpumalanga (Nelspruit), Gauteng (Pretoria), eEastern Cape (Mpuma koloni) nakwi phondo lase Limpopo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie